14.8 C
King William's Town
Thursday, September 5, 2024

Umbulali ka-Uyinene Mrwetyana uvele enkundleni ngelinye ityala lokuzama ukudlwengula.

ULuyanda Botha ubekwa ityala lokuzama ukudlwengula owasetyhini onamashumi amabini nanye (21) ubudala. Uwaphikile ke amatyala abekwe wona kwinkundla kamantyi yaseWynberg.

Ngokwengxelo yephepha-ndaba i-Independent Online, isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso eNtshona Koloni (NPA), u-Eric Ntabazalila uthi amatyala anxulumene nesiganeko esenzeka kwikholeji yobongikazi e-Athlone ngoJuni ka-2014.

“UMbuso utyhola ngelithi uBotha, nothothoza ubomi ejele ngetyala lokudlwengula nokubulala ngokungenalusini u-Uyinene Mrwetyana, utyelele owasetyhini kweli ziko kodwa wafumana ixhoba elo lihlamba ngelo xesha. Wazama ukumdlwengula kodwa lazilwela. Wabanjwa kamva,” utshilo uNtabazalila.

Uthi amatyala abekwe uBotha abuyiselwe emsebenzini emva kokuba egwetywe ngokubulala ngokungenalusini uMrwetyana. UMbuso sele ugqibezele ubungqina bawo kummangali kulo mba kwaye uzakuqhubekeka nobungqina bamangqina xa lo mba ubuyela enkundleni ngomhla wesixhenxe kuJuni.

Ukubulawa kukaMrwetyana oneminyaka elithoba (19) ubudala, kwaba ngundaba-mlonyeni kwilizwe lonke emva kokugetyengwa kwakhe ePosini yaseClaremont, ngumsebenzi wakhe ngelo xesha uBotha.

Ngexesha lokuchotshelwa kwetyala, inkundla ive ukuba uMrwetyana uthenge iimpahla kwi-Intanethi kwaye le pasile bekumele iqokelelwe ePosini yaseClaremont. Xa waye eyobuza ngomhla wesibhozo (08) ka-Agasti 2019 eposini ukuba ipasile yakhe ayikfiki, wancediswa nguBotha owaxelela uMrwetyana ukuba ipasile ayikafiki kwaye uza kuqhagamshelana naye xa ifika ipasile.

Ipasile yafika ngomhla we-16 ka-Agasti 2019 kungoMgqibelo, nge-24 ka-Agasti, yafika ipasile eposini emva kokuba kuvalwe ishishini. UBotha wayeyedwa ngaphakathi eposini waza wangenisa uMrwetyana wamdlwengula wazewambulala. Yayikokokugqibela ukubonwa ephila.

UMrwetyana wadlwengulwa izihlandlo ezibini, umzimba wakhe ufihlwe kwisefu yeposi, emva koko walahlwa watshiswa..

UBotha ugwetywe izigwebo ezintathu zobomi ngenxa yamatyala akhe.

 

By Siyakholwa Vuso.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
14.8 ° C
14.8 °
14.8 °
89 %
1.8kmh
100 %
Thu
15 °
Fri
15 °
Sat
19 °
Sun
17 °
Mon
9 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks