Inani labantwana abachaphazeleke sisifo sochwane lixhalabisa abahlali besixeko saseMonti.

By Lilitha Phenduka.

Lishumi (10) labantwana abakwiminyaka emithathu (3) uyokutsho kwiminyaka emithandathu (6) abasele bechaphezeleke sisifo sochwane kwisithili sase-Monti.

Ingxelo yephepha i-Daily dispatch, idize ukuba lishumi (10) labantwana abakwiminyaka emithathu (3) uyokutsho kwiminyaka emithandathu (6) abasele bechaphezeleke sisifo sochwane kwisithili sase-Monti.

Ukususela ekuqaleni kwenyanga yoMdumba 2025, iimeko zesifo sochwane ziye zabikwa kumaziko emfundo. Umasipala ombaxa we BCM ukhuphe ingxelo ediza ukuba elinani lifunyenwe kwizikolo zamabanga aphantsi nakumaziko ogcino lwasemini (Day Care) kulomasipala we-Buffalo City.

“Amagosa ezempilo kwisixeko kunye namagosa eBCMM ayawaphanda onke la matyala esifo kwaye -umasipala ombaxa umema ukuba abahlali bazole, nanjengoko inani lisephantsi kolawulo,” singqinile isithethi sikamasipala ombaxa uSamkelo Ngwenya.

Bakwakhuthaza iinqununu zezikolo nabasebenzi abagcina abantwana emini ukuba baqhubeke belindile.

Kwimeko ekurhaneleka esi sifo kuzo, abazali kufuneka baziswe ngoko nangoko ukuba bathathe abantwana babo baye kuxilongwa kwelona ziko likufutshane lezempilo/kwiklinikhi.

Umzali onomntwana osele echaphazelekile uchaze ngenkxalabo yakhe ngempilo yonyana wakhe nanjengoko engomnye wabantwana abalishumi abathe bachaphazeleka kwaye ubongoze uluntu ukuba luqinisekise ukuba babagcina bekhuselekile abantwana babo kwaye balumkele naziphi na iimpawu.

“Kona njengomzali iyaxhalabisa imeko yogulelwa ngumntwana kakhulukazi xasele ichaphazela abantwana abaliqela kodwa imisebenzi yezibhedlele iyabonakala ukulwa esi sifo.”

ISebe lezeMpilo lichaze ukuba usulelo ludla ngokuzibekela umda kwaye lusombulule kwiintsuku ezisixhenxhe (7) ukuya kwishumi (10) ngaphandle kwamayeza kodwa banye abantu banokufuna ukulaliswa esibhedlele, ngenxa yeengxaki kodwa abo baneempawu ezinzima kufuneka bafune ukhathalelo ngokukhawuleza.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA