By Asipile Kitchen.
UDJ Sbu nogama lakhe linguSibusiso Leope, upapashe ukurhoxa kwakhe ekusebenzeni kwi Radio 2000 nalapho ebesenza khona kwinkqubo yakusasa, gxebe iBreakfast Show.
Ngokokutsho kwe-Independent Online esi sigqibo sika-DJ Sbu sivakele ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesine (24) kweyoMdumba 2025. Esi sigqibo sakhe sothuse abaninzi siza emva kokubuyela ngesiquphe kuka-DJ Sbu kunomathotholo, into awayeyigqibele ngo-2015 uyenza.
Ubhale wathi kumakhasi onxibelelwano wakhe, “Kubaphulaphuli abahloniphekileyo bakanomathotholo iRadio 2000 nakuluntu loMzantsi Afrika ngokubanzi, oku kukwazisa ukuba emva kokucingisisa, ndithathe isigqibo sokurhoxa ekubeni ngumsasazi wakusasa kwiRadio 2000.”
Ukuyeka kwakhe kwi Radio 2000 kufika phambi kokuba ibekanti ikhontrakhthi yakhe nesisikhululo iyaphela ngomhla wamashumi amathathu kweyoKwindla, 2025.
“Esi sigqibo asikhange lube lula, njengoko ixesha lam kwiRadio 2000 lizaliswe ngamava axabisekileyo, amaxesha axabisekileyo kunye novuyo lokunxulumana nabaphulaphuli bethu abamangalisayo.’’, utshilo uDJ Sbu egxininisa ukubulela kwakhe ngokungazenzisiyo kubantu ebesebenza nabo nakubaphulaphuli bakhe ngokubanzi.
Amalungiselelo enkqubo entsha ezakusungulwa ngomhla wokuqala kweyoTshazimpunzi ayaqhubeka. Ukuqala kwalenkqubo kubonakalisa isiqalo sento entsha ekusebenzeni kwakhe uSbu kwaye kulikroba elitsha loba akwazi ukuxhumana nabalandeli bakhe ngendlela entsha. Ukurhoxa kukaDJ Sbu kunefuthe elibonakalayo emva kokubuyela kwakhe kunomathotholo kweyoKwindla 2024, nalapho wayengena ezihlangwini zika-Glen Lewis.
Ecaleni kukaNathi Ndamase noLelo Mzaca, uSbu walubuyisa ulonwabo oluhambelana nenkqubo yakusasa. Umsebenzi kaDJ Sbu wajongana nobunzima okuquka ukuyeka kwakhe kwi-Metro FM ngo-2015 ngenxa yengxaki ezaziquka ukubhengeza kwakhe iMofaya.
Umnqweno wakhe wokubuyela kwi-SABC wafezeka ubonakalisa ukomelela nokuzimisela kwakhe. Irekhodi lakhe lokuqhubekayo yiyo eyenza abaninzi bangxamele ubona uba yintoni azakuyenza ukuqhubeka phambili uDJ Sbu.
Abakwa-SABC akhange babenampendulo xa bebebuzwa ngokuyeka kuka-Sbu kwi-Radio 2000.



