Abafundi beKholeji iSilulo, abafumani ziqinisekiso kuphela kodwa bafunda nezakhono zokutshintsha ubomi ezithi zibaxhobise ukubumba ikamva labo ngokuzithemba nenjongo. Ngamabali abo, abafundi abane babelana ngokuba iSilulo College ibe sisiseko sophuhliso lwabo buqu kunye nobungcali.
Abafundi bezifundo zoLawulo lwe-Ofisi (Office Administration), uZikhona Madyibi, Elihle Busumane, Thandisiwe Nyhakanyha kunye noZiyanda Klaas kwiKholeji yaseSilulo bathi ukufunda kuleKholeji yaseSilulo kuye kwatshintsha ubomi bakhe.
UZikhona Madyibi uthi ukufunda kuleKholeji kutshintshe ubomi bakhe, “Yayisisigqibo esiye satshintsha ubomi bam.” Wangenela le nkqubo enethemba lokuzuza ubuchule obusebenzisekayo, kodwa oko akufumeneyo kungaphezulu koko wayekulindele.
“Ukusebenzisa iinkqubo zekhompyutha ezifana ne-MS Word, Excel, kunye no-Outlook kuye kwandivula amehlo,” utshilo. “Ndifunde ukwenza iishedyuli, ukugcina ucwangco kwimisebenzi yam, nokubaphatha ngembeko abantu.”
UZikhona ubethelela ukuzinikela kwabahlohli baseSilulo: “Abahlohli baseSilulo abazukuchitha xesha lenu. Bayakukhuthaza, balungise iimpazamo zakho, yaye bakubonise indlela yokuphucula.” Amava akhe abalaselisa indlela iKholeji yaseSilulo eyila ngayo imeko yenkxaso apho abafundi banokukhula ngokomsebenzi nangokobuqu.
U-Elihle Busumane, uthe uhambo lwakhe kwezizifundo ibe luhambo lwenguqu kwilizwe lobuchwephesha nophuhliso lobungcali. Ukusuka kulawulo lwamaxwebhu ukuya kwizicwangciso zophuhliso loyilo, u-Elihle uye wazuza izakhono ezibalulekileyo ezidlulela ngaphaya kwegumbi lokufundela.
“Iimodyuli ezilapha azisifundisi ithiyori kuphela; basifundisa indlela yokusingatha izicelo, ukuthumela ii-imeyile, nokuphendula imibuzo ngobuchule,” ucacise watsho uElihle.
Uncoma le nkqubo ngokubumba isimo sakhe sengqondo ngomsebenzi nobomi: “Ndikholelwa ukuba ukufunda eSilulo College kukhokelela kwimpumelelo, hayi kwimfundo kuphela, kodwa kuphuhliso lwetekhnoloji eluntwini.”
Xa uThandisiwe Nyhakanyha yena engena kwiminyango yaseSilulo okokuqala, weva umxube wovuyo noloyiko. Namhlanje, ngokuzithemba ulubiza ngokuba “lolona khetho lubalaseleyo ebomini bam.”
UThandisiwe ukhumbula indlela awatyhileka ngayo okokuqala kwi-MS Office nakwizixhobo kunye nezakhono zonxibelelwano lweshishini. Uthi: “Ndafunda ukubhala iileta zoshishino, ukulawula ucwangciso nokugcina amaxwebhu acwangcisiweyo.”
Kodwa yayingezizo izakhono kuphela ezazigqamile-yayiyimvakalelo yoluntu. “Indlela endamkelwa ngayo ngabanye abafundi yandikhuthaza. Wonke umntu ufuna ukuphumelela, kwaye siyakhuthazana,” wongeza ngelitshoyo.
Umyalezo wakhe kubantu abanokuba ngabafundi ulula: “Ikholeji yaseSilulo likhaya apho amaphupha akho enziwa khona.”
Yena uZiyanda Klaas, wongeze ngelithi iKholeji yaseSilulo imele ngaphezu kweziko lemfundo – isisithuba sophuhliso loluntu kunye nokwenziwa kwezinto ezintsha.
Uthi, “Ndiye ndafunda ngokuphatha imali, ukuthetha kakuhle nokwenza lula imisebenzi yase-ofisini.
“Abahlohli bahlala besixhasa, besinceda ukuba siziqhelanise neemfuno zale mihla ze-ofisi ngezixhobo zedijithali.”
UZiyanda ukholelwa ukuba impembelelo yalekholeji inabela ngaphaya komfundi ngamnye ukuya kuluntu ngokubanzi. “Le ndawo ibonelela ngezifundo ezixhasa abafundi ukuba bakhule kwaye babe negalelo elibonakalayo eluntwini,” utshilo.
Eyona nto imanyanisa amava aba bafundi yindlela iSilulo ebaxhobisa ngayo ngezakhono, ukuzithemba, nengqondo efunekayo ukuze baphumelele emsebenzini wale mihla.
“Ikholeji yaseSilulo ayithethi ngezatifikethi kuphela; imalunga nokuqalisa ubomi obutsha obuneziseko eziqinileyo,” utshilo uZikhona.
Nokuba fufuna ukuba nguchwepheshe wolawulo lwe-ofisi, okanye uchwepheshe wetekhnoloji, okanye ukwakha isimo sengqondo soluntu, iKholeji yaseSilulo idala amathuba atshintsha ngokwenene ubomi.
Ukuba ukulungele ukuthatha inyathelo lokuqala elisingise kwikamva eliqaqambileyo, iKholeji yaseSilulo ilinde wena. Yiya uyokubhalisa ubengumfundi olindwe likamva eliqaqambileyo nawe.






