UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uncome intsebenziswano phakathi kwe-SAPS kunye neNkosi uemveSabatha Dalindyebo ethe yakhokelela ekufumaneni imipu emine nengekho mthethweni (3 x 9mm pistol nevolovolo) kunye neziqhushumbisi eMthatha, kwaze kwabanjwa abarhanelwa abathathu abangamadoda abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) kunye namashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala ngoMvulo, wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyoMqungu 2025, malunga nentsimbi yesihlanu (11:00) kusasa.
Amagosa omthetho kuMasipala iKing Sabata Dalindyebo acele inkxaso kumalungu e-SAPS emva kokubamba abarhanelwa abathathu abangamadoda kwaze kwafunyanwa imipu emine engenazimpepha kunye neziqhushumbisi.
Amalungu e-Tactical Response Team (TRT) aphendule ngokukhawuleza aqhuba uphulo lokulandelela kwindawo yaseZandukwana apho kuye kwafunyanwa iikhatriji zesiqhumbisi i-V6 ezifihlwe kwikhaya lomrhanelwa.
Baqhubela kwindawo yaseManxiweni, phantsi kwendawo yoLawulo lwe-Link, baza bafumana amanye amakhatriji e-V6, iziqhushumbisi, ne-‘Cylinder’ yerhasi kunye netotshi yokusika izibane zogesi kumzi wabarhanelwa. Aba babini bazakongezelwa izityholo zokuba neziqhushumbisi ngokungekho mthethweni.
Aba bathathu bavele phambi kweNkundla kaMantyi eMthatha ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMqungu 2025.



