UChwephesha kwishishini lokonwabisa, ngoku unguMsasazi kanomathotholo wangempelaveki. UKhanyi Poppy Tshali wamkela isahluko esitsha sobomi bakhe njengoMsasazi ku-Mdantsane FM.
UMdantsane FM wamkele amazwi amatsha kumaza osasazo, omnye waloomazwi nguKhanyisa Poppy Tshali, ongusaziwyo odlamkileyo noneziphiwo ezininzi, nowaziwa ngelika “The Lovely Khanyie”, ngabantu baseQonce, eMonti neMpuma Kapa iphela.
Emva kweminyaka yokuzenzela igama njengoMphathi Nkqubo, umququzeleli wemisitho yezolonwabo neyeentengiso, uKhanyie ubuyela apho kwisithandwa sokuqala sentliziyo yakhe, uNomathotholo.
UKhanyisa uthe xa ethetha neentatheli ye-EC Indaba, “Ekukhuleni kwam, unomathotholo ibiyinto ebendisoloko ndiyithanda kakhulu kodwa andizange ndiyicinge into yokuba uthando luya kukhula ndide ndifune ukuba yinxalenye yabasasazi,” utshilo uKhanyie. “Andifuni kuxoka, andizange ndiyibone isiza. Ndikhulele kwikhaya elalimamela kakhulu Umhlobo Wenene FM, de ndafikelela ekumameleni iTru FM eyayisisikhululo solutsha. Kulapho ndazibona ndifaneleka khona njengokuba ndandimncinci ndinjalo ngelo xesha.”

Uhambo lwakhe kunomathotholo lwaqala e-Tru FM, apho angazange aqale njengomsasazi kodwa kumdlalo weqonga likanomathotholo. Ukusuka apho, italente yakhe kunye nokuzimisela kwakhe kwamqhubela ekubeni abe ngumdidiyeli weenkqubo zikanomathotholo kunye nokuba ngumsasazi.
Uthi: “Ndandiyithanda ngayo yonke into endandinayo la ndima.”
Ngoku, uKhanyie ubuyela kuthando lwakhe, kwiMdantsane FM, ephawula ukuqhubela phambili kohambo lwakhe kunomathotholo. “Ukubuyela kunomathotholo kuthetha ukuba luqhubekeko lwebali ngobomi bam. Kukuqhubekeka kwamaphupha am, omsebenzi kaThixo ngokundinika elinye ithuba lokubalisa ibali lam. Oku kuthetha lukhulu kum kuba ngoku ndibuyela kuthando lwam lokuqala, apho ndiza kube ndinxibelelana noluntu, ndisiva amabali kunye namava abo.”
Ixesha awayengekho ngalo kunomathotholo belilide kakhulu. Emva kokuba isivumelwano sakhe ne-Tru FM siphelile, uye wathatha indima yokuba yi-Marketing Officer kwiziko i-Steve Biko ngelixa ngaxeshanye esindleka kunye nokuthengisa imisitho kwamanye amaziko.
Uthi: “Oko kwakulucelomngeni kakhulu, kodwa ndaqhubeka ndikwenza oko ngenxa yothando noqeqesho endinalo ngomsebenzi endiwenzayo.
Ukongeza kumsebenzi wakhe, uKhanyie ukwanguMama kwintwazana esencinci, umsebenzi lowo athi uwuthanda ngentiliziyom yakhe yonke kwaye ulula kuye ngenxa ngenxa yenkqubo eyomeleleyo yenkxaso yosapho lwakhe.
“Xa ndinomsebenzi ngaphandle kwedolophu yam okanye nangeeyure ezingaqhelekanga, ndiyayazi ukuba umama wam kunye nosapho lwam luyangenelela lundimele,” utshilo.
“Ekuphela komceli mngeni endinawo kuxa umsebenzi wam ungqubana nexesha lakhe lokuphumla okanye iiholide, kodwa ndihlala ndizama ngako konke okusemandleni am ukuba kunye nomntwana wam, kodwa ixesha elininzi ndiba kunye naye.”
Eyona nto egcina uKhanyie eqhubeka nomsebenzi wakhe luxabiso nothando alufumanayo ngeenzame zakhe.
“Eyona nto inomvuzo ngohambo lwam luxabiso abantu abanalo ngomsebenzi wam kunye nokuqondwa kokuzimisela kumsebenzi wam. Kukho amaxesha apho siye singaziva mnandi okanye siphilile, kodwa sizenze ngathi akhonto, sonwabile kodwa xa ndidibana nabantu ubomi babo butshintshiweyo, ngandlela thile, ngumsebenzi wam, ndikhunjuzwa ukuba ndisaphila kwaye abantu bayayibona imizamo yethu.”
Ukujonga phambili, uKhanyie uchulumancile ngekamva, ngaphakathi nangaphandle kwamaza omoya.
“Ndilijonge ngamehlo abomvu ikamva endliliphathelwa nguMdantsane FM.”
Ngamandla akhe, uthando kunye nokuzinikela kwakhe, uThe Lovely Khanyie uzimisele ukwenza uphawu lwakhe kuMdantsane FM nangaphaya.
U-The Lovely Khanyie ke uyafumaneka kwikhasi lakhe u-Facebook ku-Khanyisa Poppy Tshali, xa ufuna umbiza azokwenzela umsebenzi wakho njengo-MC, Marketing Co-ordinator, Promoter kunye ne-Events Planner.


