Amapolisa athi lo mfana oneminyaka engamashumi amane anesithandathu (46) ubudala uzinikele emapoliseni kulandela ukubhubha kwenkosikazi yakhe enamashumi amane anesithathu (43) eminyaka ubudala okwenzeke ngoLwesine umhla wesine kaTshazimpunzi 2024, kwingingqi yaseMount Author.
“Kutyholwa ukuba umrhanelwa wazinikela emapoliseni emva kokubulala. Amapolisa atyelele kwindawo yexhwayelo nathe akufika apho afumana umzimba wowasetyhini ulele kwidama legazi unomonzakalo izihlandlo ezininzi,” sitshilo isithethi samapolisa eMpuma Koloni uKapteni Namhla Mdleleni.
“Isizathu sokubulala asikaziwa kwaye ityala lokubulala liyaphandwa.”
Umrhanelwa bekulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseLady Frere ngomhla wesibhozo kuTshazimpunzi 2024.
Kwesinye isiganeko kule mpelaveki, kudutyulwe kwabulawa oobhuti ababini emva kokuba bephendule intengiso kamabonakude ku-Facebook Marketplace.
Amapolisa athe ezi zizalwana u-Aaron Alberts, 19, kunye no-Kyle Alberts, 30, babulawe kwilokishi yase-Motherwell ngoMgqibelo umhla wesithandathu kuTshazimpunzi 2024, emini emaqanda.
Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthe amaxhoba aphangwe iimfonomfono zawo, imali kunye nemoto.
“Ezi zizazalwanaziye kumzi othile kwisitalato iCeru kwa-NU 5 e-Motherwell, baxelelwa ukuba akukho ntengiso injalo phaya, kwaye abanini mzi abazi kwanto ngentengiso.
“Ngelixa beselapho, bafikelwe ngabarhanelwa ababini abaye babadubula babaphanga. Iveni ifunyenwe kude kufuphi nendawo yexhwayelo.”
By Siyakholwa Vuso

