19 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

Indoda yaseMntla-Koloni ityholwa ngodlwengula nokuthimba intombi yayo intsuku ezimbini.

IMibutho elwa ubundlobongela obusekelwe kwisini kuMntla Koloni isamkele isigqibo seNkundla kaMantyi eKimberley sokuchasa ibheyile yendoda eneminyaka engamashumi amahlanu nanye (51) ubudala.

UNgonyoza Zwelibanzi ubanjwe ngezityholo zokudlwengula, ubundlobongela basekhaya, ukubetha kunye nokonakaliswa kwempahla. Oku kuza emveni kokuba ebambe intombi yakhe iintsuku ezimbini, wayidlwengula kwaye wayibetha.

UShane Griqua ovela kwiZiko leeNgcebiso noPhuhliso uthi, bayavuya kakhulu kukuba sikhatyiwe isicelo sebheyile ngenxa yeMithetho eLungisiweyo yoLwaphulo-mthetho lwaseKhaya kunye nezeSondo, kwaye lo mthetho ucace gca ukuba eli lityala eselimiswe okwesithandathu (6) kwaye kukho izityholo ezisixhenxe (7) ukuya kwezisibhozo (8) zokudlwengula, ubundlobongela basekhaya, ukubetha okuqhelekileyo kunye nokonakaliswa kwempahla kwaye kwi-J88 yayikukuba kwafunyanwa umonzakalo.

Ukwathe, ngoko ke bayavuya umenzi wobubi evinjwe ibheyile, makahlale ngaphaya kwezitshixo acinge ngenkohlakalo ayenzileyo kwinenekazi eli limsulwa.

Ityala limiselwe inyanga ezayo ukuze lichotshelwe phambi kokuxoxwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
19 ° C
19 °
19 °
61 %
2.8kmh
11 %
Sat
18 °
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks