15.7 C
King William's Town
Monday, December 4, 2023

INelson Mandela Museum uveze ngokusesikweni imifanekiso eqingiqeyo(2) kaMandela

IZiko loLondolozo lweMbali iNelson Mandela libambisene neSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko kwiPhondo leMpuma Koloni, babhiyozele uSuku lukaMandela ngendumezulu yomsitho nobubanjelwe eMtata kwiintsiku ezimbalwa ezidlulileyo.

Lomsitho nobuququzelelwa ngabasebenzi beliziko nelikhokelwa nguVuyani Booi, bedele konke bemema uMongameli weli uCyril Ramaposa ukuze abe ngowokuqala ukutyhila ngokusesikweni umfanekiso oqingqiweyo kaMandela. Ukanti neNkulu baPhathiswa uOscar Lubabalo Mabuyane kunye noMphathiswa uZizi kodwa nezinye iiNkokheli zakwalizwi nezoMthonyama bezizimasile kuquka noCllr Ndileka Mandela.

Umongameli uCyril Ramaphosa uyivule yamibini lemifanekiso eqingqiweyo kaNelson Mandela kwiZiko loLondolozo lweMbali iNelson Mandela kanye phambi kwesakhiwo seBhunga eMthatha kunye nesesibini kwiziko loLutsha neLifa leMveli likaNelson Mandela eQunu. Ukumiswa kwale mfanekiso iqingqiweyo kunegalelo ekudalweni kweenkqubo zesikhumbuzo, ukuhlonipha nokuzibophelela okungagungqiyo kukaMongameli Mandela kwinkululeko yabantu abantsundu nanjengoMongameli woMzantsi Afrika wexesha ledemokhrasi.

Kaloku olusuku sisikhumbuzo sokuba, ngomhla we18 kaJulayi 1918, uNelson Mandela wazalwa kwilali yaseMvezo. Wazalwa sele enikwa igama likaRolihlahla. Umama wakhe, uNosekeni, nowayengowesithathu kumakhosikazi amane kayise uNkosi uMphakanyiswa Gadla Henry, wahamba nosana waya kuhlala kwikhaya lakhe eQunu. Kuxa wayefunda kwisikolo samabanga aphantsi apho wathiywa igama elithi Nelson ngutitshala wakhe.

Ukanti lemini izale isisa sokuba isikolo samabanga aphakamileyo iZingisa Comprehensive High sizibone siwelwa ngumqa esandleni xa sivulelwa ithala lencwadi kwiphulo eliyinxalenye yamanye amathala eencwadi anikezelwe yiNelson Mandela Museum – elinye lithala lesikolo samabanga aphakamileyo iAsherville High School eGraaf Reinet kanti elinye lithala leencwadi leSOS Children’s Village eMthatha ngethuba kubhiyozelwa usuku lweMandela International.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.7 ° C
15.7 °
15.7 °
83 %
2.1kmh
86 %
Mon
14 °
Tue
23 °
Wed
16 °
Thu
31 °
Fri
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks