Iyabhakwa ebhakwayo eGqeberha kwaye iyoyikeka

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMaj Gen Vuyisile Ncata, uncome amalungu enkonzo yesiPolisa iBorder yaseGqeberha, nathe enza ngaphezulu komsebenzi wawo ngokubonakalisa ukuzinikela okubalaseleyo kwimpilo yoluntu nokhuseleko lwabo.

Oku kusemva kokuba lamalungu athe atyelela kumzi-mveliso(factory) othile kwidolophana yaseKorsten eGqeberha. Lomzi-mveliso utyelelwe kuba kuvakala izinto ezikrokrisayo ngawo.

NgoLwesibini, umhla we18 kweyeKhala 2023 malunga nentsimbi yeshumi elinanye(11:00) kusasa  amalungu e-Border Policing yaseGqeberha angene kwinkampani eyenza iibhiskithi esenza umsebenzi wawo. Ekungeneni kweso sakhiwo, umniniyo wabanentsebenziswano kakhulu waza wawavumela amapolisa ukuba asetshe indawo. Nangona bekungekho nto ingekho mthethweni efunyenwe isenzeka kweso sakhiwo, amapolisa ayexhalabile ngenxa yokungacoceki kunye neemeko zempilo kwindlela lomzi-mveliso obusebenza ngayo.

Ngoko nangoko, iSebe leMpilo kunye nee-arhente zophawu ziye zaqhagamshelwa ukuze zizohlola lulomzi. Uye ke wavalwa ngokugunyaziswe ngokoMthetho wokuTya.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA