27.1 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

Usagcwele amathafa umdlwenguli waseGqeberha

Isebe elijongene nobuNdlobongela kuSapho, ukukhuselwa kwabantwana kunye namatyala okwabelana ngesondo eGqeberha licela uncedo kuluntu ekufumaneni umrhanelwa obefunwa kwisityholo sodlwengulo olwenzeka ngentsasa yangeCawe umhla weshumi elinesine (14) kweyeKhala eNorth End.

Kutyholwa ukuba malunga nemizuzu engamashumi amabini phambi kwentsimbi yesithathu (14:40), ixhoba elineminyaka elishumi elnesithandathu (16) ubudala lathathwa ngumqhubi we e-hailer owayeqhuba iHyundai emnyama. Ixhoba belisendleleni eya eSummerstrand, kodwa umrhanelwa waqhuba naye ukuya kwichibi laseNorth End. Uthe xa emisa imoto evula ucango lwakhe, ummangali wazama ukubaleka, kodwa umrhanelwa wambamba wamnyanzela ukuba abuyele emotweni apho amdlwengule khona. Emva koko, umrhanelwa waqhuba, eshiya ixhoba eNorth End. Wayifumana indlela ebuyela ekhaya, kwaye ityala lodlwengulo lavulwa kwisikhululo samapolisa eMount Road.

Kusenjalo kuye kwaqulunqwa isazisi somrhanelwa, kwaye umalunga ne-1,7m ubude, uphakathi kweminyaka engamashumi amabini (20) namashumi amabini anesihlanu (25) ubudala. Umrhanelwa, ngokwesazisi esiqhotyoshelweyo, wayenxibe idenim eblue kunye nesikipa esimhlophe.

Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekukhangeleni umrhanelwa ukuba atsalele umnxeba uD/WO Timothy Minyanya ku-071 475 1731 okanye atsalele iCrime Stop ku-0860010111 okanye atsalele isikhululo samapolisa esikufutshane. Akwathembisa nokuba lonke ulwazi luyakuhlala luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bangazichazi amagama abo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
59 %
1.3kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks