UKWANKWA UTHI MAYINGAVALWA IRADIO ZIBONELE.

UKWANKWA UTHI MAYINGAVALWA IRADIO ZIBONELE.

Usekela Mongameli weqela lezopolitiko iUnited Democratic Movement(UDM) uNqabayomzi Kwankwa, nolilungu lepalamente ufake isicelo kwiKomiti yezonxibelelwano epalamente ukuba ithethathethane nenkamoani yakwaICASA kwisicelo sokuba ingahluthwa ilaysenisi yokusasaza yeziko iZibonele FM eKapa.

Loka Kwankwa kwincwadana ayibhale izolo, emva kokuba ekrwecwe ngabaphathi besikhululo uRadio Zibonele, bemcela ukuba angenelele ukuncedisa kwidabi abalilwayo malunga nokuvalwa kwesisikhululo yiICASA kwaye kuvuselelwe iimpepha mvume zabo zokusasaza. Ukwathe eliziko liluncedo eluntwini kwaye alinakukwazi kwaphela ukuba lishiye kudengwane abaphula-phuli abangaphaya kwama-300 000 engenaye unomathotholo wasekuhlaleni.

UKwankwa uthi esi sikhululo sisisonka semihla ngemihla kuluntu ingakumbi kubasebenzi abajonge ukuphulukana nemisebenzi yabo ukuba siyavalwa. Ubuye waphatha nakwindima edlalwa yiZibonele ngeNkqubo zabo zemfundo ezinceda ulutsha oluninzi kwakunye nabo bathi babhengeze amashishini abo ngokufikelelekayo kwesisikhululo.

Esi sikhululo besikwaseke nomasingcwabane oncedisa uluntu olusengxakini.

UKwankwa uthi kungoko ke ebongoza leKomiti yezonxibelelwano ukuba incede isebenzise zonke izixhobo kwaye isabele ikhwelo lokuhlangula iRadio Zibonele.

 

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA