25.1 C
King William's Town
Thursday, February 13, 2025

Ingozi emasikizi isube imiphefumlo emithathu (3)

Abantu abathathu babhubhile ngelixa abalithoba befumene umonzakalo kwingozi ezimbini ezahlukeneyo eMpuma Koloni. Ingozi yokuqala yenzeke kuhola wendlela uN2 eMthatha ngaseMaqhinebenu ujonge eDutywa logama ezinye zikwindlela uR61 eCofimvaba esingise ekomani.

Kuhola wendlela uN2 eMthatha eMaqhinebeni usingise eDutywa ngecala emva kwentsimbi yesihlanu kusasa kungqubane iimoto ezimbini.

Imoto yohlobo lweNissan Livina ebikhwele abantu abathandathu yaseDutywa, ingqubane neVW CITI Golf ebinamadoda amathathu ebisuka kwicala laseMthatha.

Abantu ababini ababekhwele kwiCiti Golf babhubhele kwindawo yexhwayelo, umqhubi nomkhweli bobabini abangamadoda.

Abahlali abahlanu abonzakeleyo ngabaseNissan Livina eDutywa kuquka indoda enye ekhwele igalufa, omnye wabathathu ngokumandundu ufumene umonzakalo ongephi.

Abonzakeleyo basiwe kwisibhedlele sommandla waseMthatha ukuze bafumane olunye unyango.

Malunga nentsimbi yesithandathu kusasa kwindlela uR61 eCofimvaba esingise eQueenstown imoto enye yabhukuqa iVW Polo.

Imoto iVW Polo ebikhwele abantu abathathu ibisuka eCofimvaba isingise ekomani iphulukene nolawulo lwemoto yaza yabhukuqa.

Omnye obhinqileyo obhinqileyo wabhubhela kwindawo yexhwayelo, ngelixa umqhubi kunye nomkhweli befumene umonzakalo omkhulu. Abonzakeleyo basiwe kwisibhedlele saseFrontier ukuze bafumane unyango olongezelelweyo.

Kutyholwa ukuba kuzo zombini ezi ngozi ukudinwa nokuqhuba uphantsi kweempembelelo zezona zinto zibe negalelo.

Amatyala okubulala ngokungenhloso avulwe ngabasemagunyeni ukuze kuqhutyekwe nophando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
25.1 ° C
25.1 °
25.1 °
42 %
2kmh
78 %
Thu
27 °
Fri
28 °
Sat
29 °
Sun
32 °
Mon
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks