KUSUBUNGEKE IMIPHEFUMLO EMINE KWINDLELA ZASE-MPUMA KOLONI KWISITHUBA NJE SEYURE EZIY-24 e-eMONTI naseGqeberha.
Ngorhatya lwangoMgqibelo malunga nentsimbi yesixhenxe(19H00) ebusuku eMonti ngaseBlaney kanye ekudibaneni kwendlela ezisingise eQonce kungquzulane iimoto ezimbini.
Ngokwengxelo yeSebe lezothutho kwiMpumaKapa, imoto yohlobo lweToyota Tazz yaseQonce nebinabakhweli abangamadoda amabini ithe yangquzulana okwenkunzi zegusha nesithuthu sohlobo lweToyota Cambry ethwala izidumbu. Esisithuthi seToyota Cambry besinomqhubi omnye oyindoda kwaye ngethamsanqa besingenasidumbu ngaphakathi.
Zombini ezi zithuthi zingquzulene kubhubha abantu ababini abaquka umqhubi (bobabini abangamadoda) ingabo bebekhwele kwiToyota Tazz bebhubhela kwindawo yexhwayelo ngelixa umqhubi wemoto yokugcina izidumbu efumene umonzakalo ommandla.
Kutyholwa ukuba unobangela walengozi kukuqhuba phantsi kweempembelelo zotywala nokuqhuba ngokungakhathali kube negalelo elikhulu kule ngozi.
Ukanti kwesinye isiganeko esikumila kunje senzeke eGqeberha, malunga ngentsimbi yeSithoba ebusuku (21H00) imoto ezimbini zangqubane ngentloko, eMotherwell Monument Crossing.
Esisiganeko senzeke kwisiphambuka saseMonument kwindlela ieAddo, iimoto ezimbini nazo ezingubene ngeentloko.
Yimoto yaseScania nethwala i(Manganese) ikhwelise nani elingaziwayo labahlali isuka kwicala laseAddo ngelixa iOpel Corsa hatchback enabahlali abahlanu(5) kwicala laseMotherwell zithe zagqubana. Abantu ababini ababekhwele kwiOpel Corsa babhubhile kwindawo yexhwayelo.
Abonzakeleyo abathathu bonzakele ngokumasikizi bathathwa besisiwa kwiZiko lezeMpilo loLuntu. Akukho ngxelo yokwenzakala kwimoto njengoko umqhubi ekwazile ukuya kwisikhululo samapolisa sasekuhlaleni ukuya kuchaza ingozi ngemoto eyahlukileyo.
Iimeko ezingqonge unobangela wengozi azikaziwa okwangoku nanjengoko kusaphandwa.
Amatyala okubulala ngokungenanjongo aye avulwa ngabasemagunyeni ukuze kuphandwe ngokubhekele phaya.
Ingxelo: Anita Qubula