20.1 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Iyavalwa iRadio Zibonele kwintsuku nje ezintandathu(6 days)

Zintandathu kuphela intsuku kuphele ngesikhululo iRadio Zibonele.

Ijelo losasazo okanye unomathotholo waseKapa iRadio Zibonele inikwe intsuku ezintandathu(6) kuphela nguIcasa ukuba mayivale. Elijelo losasazo lithi lifumene ingxelo kuICASA isithi mabavale ingcango,  kwaye bayeke ukusasaza nanjengoko isithi abayivuselelanga ilayisenisi yabo kunye noICASA.

IRadio Zibonele yona ithi, ezindaba ziyothusa kwaye bebengazilindelanga kwaphela nanjengoko bebesifakile isicelo sokuvuselela ilayisenisi yabo kuICASA. Le layisenisi yaphelelwa ngonyaka ka2018 ze emva koko bazifaka isicelo zabo kumalinge wokuba ivuselelwe.

Ukuzothi ga ngoku inkampani yakwaICASA ityolwa yiRadio Zibonele ngokudlala undize ingade ize neempendulo kubo. Nangona kunjalo elijelo losasazo lithi alikwazanga ukuba lilinde kodwa liqhubekeke nomsebenzi nanjengoko linabasebenzi.

IRadio Zibonele iqeshe ngaphaya kwabasebenzi abangamashumi amathandathu anesine(64). Bonke ababasebenzi bazakuphulukana nemisebenzi yabo ukuba esisikhululo sosasazo sivaliwe.

Sithetha nje amaqela ezopolitiko iANC; GOOD kunye neSANCO aseRadio Zibonele ukuzokuzivela esisisthwakumbe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
25 %
1.8kmh
26 %
Mon
22 °
Tue
25 °
Wed
30 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks