JOHN PATRICK NCACA
UJohn Patrck Ncaca uzalwa nguJohn Wathwethwa noSanna Nosayisi Ncaca ngomhla we7th ka July 1922, ezalelwa e Cradock. Unguntondo ezalwa belishumi elinesine, nguye nosadla amazimba.
Amabanga aphantsi uwafunde eSt James Primary school, waze wagqithela e Rhini apho afunde khona amabanga aphezulu. Uye wagqithela apha eQoboqobo kwisikolo iSt. Matthew’s eyokufundela ubutishala. Akazange agqibe apho ngenxa ye toyitoyi yabafundi eyathi yamchaphazela naye. Wabuyela ekhaya eCradock waze u late Reverend James Calata wamfaka eskolweni njengomfundisi ntsapho.
Uye wanomnqweno wokuqhubeka nezifundo zakhe, waya eJan Hofmeyer School of Social Work e Rhawutini. Ufundile wasele efumana umsebenzi kwicala leCripple Care. Kulapho ke wadibana nesithandwa sakhe intombi eyayinomkhitha yakwa Radebe uDaisy owayengumongikazi eKalafong hospital. Baye bazimanya ngeqhina lomtshato ngo January 1953.
Uye wakhumbula ikhaya wajongisa umbombo eGqeberha apho eye wasebenza njengo ntlalontle. Kuthe kusenjalo lamfikela ubizo lobufundisi wasabela, wayokufundela ubufundisi eSeminary eyayise Fort Hare e Dikeni. Uqale ukusebenza ngengomfundisi opheleleyo eCradock, wagqithela e Ngqushwa, nalapho wagqitha weza e Zwelitsha apho asebenze wade wathatha umhlalaphantsi.

Ngenxa yemisebenzi nezingqi zakhe ezazivakala, wavuka minazana ithile itshisiwe icawa kwenzeka umonakalo omkhulu. Yonke lonto zange imthomalalise kodwa yamnika amandla okuqhubeka esilwela inkululeko yomntu omnyama.

Ngelixesha ehleli phantsi uye wabhala incwadi yobom bakhe, egama layo lithi YINTO NALEYO , le yiterm ayithandayo xa encokola nomntu.
Sibulela uThixo ngokuyigcina lendedeba enothando nenkathalo, sijonge ukubhiyozela nokubulela uThixo ngokumgcina.






