Ingozi emasikizi nesube imiphefumlo emithathu.

Batshe bangqungqa ababini de ababinakufaniseka kwingozi yemoto.

Ngabantu ababini abatshe ngendlela engaqondakaliyo kwingozi yendlela, neye yasuba imiphefumlo emithathu kuhola wendlela uN6 ngaphandle nje kwaseMonti xa usingise eCumakala phezolo.

Lengozi yenzeke malunga nentsimbi yesibhozo (20H00) ebusuku.

Ngokwengxelo yeSebe lezoThutho ephondweni, kutyholwa ukuba isithuthi sohlobo lwe (VW Tiguan) SUV ebesinabakhweli ababini (2) kunye nelori nayo ikhwele abantu ababini ziye zangqubana. Ukanti okwangoku akukacaci ukuba yeyiphi ebethe enye ngasemva kodwa zombini ezimoto zifunyenwe zityekezeke ngaphandle endleleni yaze yatsha iiSUV iquka nabakhweli abebengaphakathi.

Umqhubi weloli naye ubhubhile kule ngozi logama ebesebenza naye, efumene umonzakalo omandundu waze wasiwa kwisibhedlele saseFrere.

Oyena nobangela wale ngozi awukaziwa okwangoku.

Kuvulwe idokethi lokubulala ngoku ngenanjongo kwisikhululo iKei Road ukuze kuqhutyekwe nophando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA