15.6 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Ingozi esube imiphefumlo emithandathu(6)

Bathandathu(6) abantu abaphulukene nobomi babo ngelixa belithoba(9) abasiwe esibhedlele ngenxa yokufumana umonzakalo kwingozi yemoto nebibandakanya iiteksi ezimbini(2) kuhola wendlela uN9 phakathi kweGraaff Reinet ne Aberdeen phezolo malunga nentsimbi yeshumi(22:00) ebusuku.

Zombini ezi zithuthi bezisuka kumacala ohlukeneyo nanjengoko enye iteksi kuvakala ukuba ibithwele umntu omnye ukusuka kwicala laseAberdeen ngelixa iToyota (minbus) kuthiwa ibithwele abantu abalishumi elinesine(14) ukusuka eGraff Reinet.

Zombini ezi zithuthi zingqubene okwenkunzi zegusha ze kwabhubha isithandathu sabantu nababhubhele kwindawo yexhwayelo. Esisithandathu sibhubhileyo siquka abasetyhini abathathu namadoda amathathu omnye kubo ingumqhubi.

Abonzakeleyo abahlali abalithoba(9) kunye nomqhubi weteksi ekuvakala ukuba ukuba usuka eKapa kuquka nomntwana oyintombi oneenyanga ezilithoba(9 months) ubudala basindile nomama wakhe. Usana alukabonakalisi zimpawu zokwenzakala xa lijongwa emva kwengozi.

Kutyholwa ukuba ukuqhuba ngokungakhathali nokudinwa ngoyena nobangela wengozi.Idokethi lokubulala ngokungenjongo livuliwe e-Aberdeen kwaye uphando oluthe xhaxhe ngabasemagunyeni abohlukeneyo luyenziwa ukuze kubonwe oyena nobangela wengozi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
72 %
4.9kmh
88 %
Fri
40 °
Sat
24 °
Sun
26 °
Mon
23 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks