Ibingudurukubhentsu, kumnandi kuyilonto kumsitho wokuxhela iinkomo(4) zeEFF eThekwini namhlanje.

Iqela lezopolitiko eMzantsi Afrika iEconomic Freedom Fighters lizixhelele iinkomo zane(4) namhlanje kumabala ezemidlalo iOhlange eNanda, kumantla eTheku. Eliqela belibambe indibano yokubulela ukukhula kwalo mbutho kwiphondo laKwaZulu Natal, kanye ngethuba lolonyulo loorhulumente basemakhaya ngoNovemba wonyaka ophelileyo.

Ngokwengxelo yeliqela ebekwe izolo, uNobhala Jikelele weEFF uMarshall Dlamini ebengomnye kwabakhoyo ukusingatha lombhiyozo. Ukanti ngenene eliqabane belikho kwaye libonakala phakathi kwabahlali nabebezokusika kwinyama yeenkomo ezine nebezixheliwe.

Inkokeli yeEFF uJulius Malema kunye namanye amalungu eliqela kuzwelonke, bekukholeleka ukuba nabo bangabonakala kulomsitho useThekwini kodwa ngokwengxelo akuqinisekwanga ukuba lokaJulius Malema uza kubuchitha ubusuku eThekwini kusini na.

Iinkokeli zeSizwe kweliqela zigqibe kwelokuba zizakubulela abantu baKwaZulu-Natal ngokungaguqu-guquki kwabo ekuvoteleni iEFF. Bathi iEFF lelona qela lithe lakhula ngokwamanani abantu ababotileyo ingakumbi eThekwini besogqitha amaqela amakhulu aphikisayo. Ukanti bakwabambe lomsitho ukubulela kuluntu bezinkokheli ubuso ngobuso ngokutsho kwabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
22.3 ° C
22.3 °
22.3 °
81 %
2.4kmh
100 %
Thu
22 °
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA