Abantu abahlanu babhubhe ngoko nangoko kwingozi eyenzeke kufutshane ne Jansenville, kwaye abanye abathathu bonzakale ngokumasikizi kwingozi yemoto eyenzeke ngokuhlwa kwangoLwesihlanu, ngomhla wama-26 ku Canzibe 2023 kwindlela u-R75 oya eJansenville malunga nekhilomitha enye ukusuka ku-R336/R75 I-T-junction ukuya eGlenconnor.
Kutyholwa ukuba ngalo mhla ukhankanyiweyo, malunga nentsimbi yeshumi elinesixhenxe (17:00), amapolisa asabela kwingozi eyenzeke kuhola wendlela uR75 ebibandakanya iiveni ezimbini, Isuzu emhlophe enecanopy kunye neH100 Hyundai bakkkie ezifunyenwe zingqengqe ecaleni kwendlela. Abantu babhubhele kwindawo yexhwayelo ngelixa abanye abantu abathathu, abasetyhini ababini kunye nendoda bahanjiswe kwisibhedlele sePhondo eKariega. Okwangoku akukacaci ukuba yenzeke njani le ngozi. Ibakkie ye-Isuzu ibihamba isingise eJansenville ithwele istokhwe yabe iHyundai bakkie isiya eKariega.
Kubhubhe abantu abathathu beveni ye-Isuzu, amadoda amabini kunye nebhinqa logama abanye ababini indoda nebhinqa kwiveni yakwaHyundai nabo babhubhile. Isalamane somfi sisalandelwa kwaye amagama aya kukhutshwa xa sele kwenziwe uchongo olusesikweni.
Amapolisa aphanda ityala lokubulala ngokungenanjongo.
Imibuzo: Col Priscilla Naidu
071 362 8726