15.4 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Kuphume imiphefumlo emithandathu(6) kwingozi ezahlukeneyo

Kwingozi yokuqala: Abantu abahlanu baphulukene nobomi babo kwindawo yexhwayelo emva kokuba iimoto ezimbini zingqubane ngqo, kwindlela uR56 eMaclear 8 Km ukuya eDyoki(Ugie).

Le ngozi yasuba imiphefumlo yabahlanu yenzeke ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kuCanzibe 2023 (ngoMgqibelo) malunga necala emva kwentsimbi yeshumi elinanye ngorhatya eNqanqarhu (Maclear) ukuya ngase-Ugie (Dyoki).

Imoto yohlobo lweToyota avanza (abantu abathathu ekutyholwa ukuba bebekhwele eNqanqarhu (Maclear) ingquzulane nethutyana iVW Polo (abantu ababini ebebekhwele kuyo) yaseDyoki(Ugie).

Bonke abahlali abaphuma kuzo zombini iimoto babhengeze ukuba babhubhile kwindawo yengozi.

Unobangela wale ngozi awukaziwa okwangoku nanjengoko indawo yexhwayelo iphantsi kophando ngabasemagunyeni abohlukeneyo iSaps Provincial Disaster kunye neSebe lezoThutho kuzwelonke (RTMC) ukufuna oyena yena nobangela wale ngozi.

Ityala lokubulala ngokungenhloso livuliwe eNqanqarhuSaps (Maclear) ukuze kuqhutyekwe nophando.

KWENYE INGOZI:

Umntu omnye ubhubhe kwenye ingozi ebibandakanya ilori kunye nesedan (BMW) kwindlela u-N2, eKei Cuttings.

Umqhubi welori ubhubhele kwindawo yexhwayelo lo gama umqhubi welori kunye nabakhweli bakhe ababini, bonke basinda bengenawonzakala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
66 %
3.3kmh
54 %
Fri
41 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks