15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Ingqele iyavakala kwaye iqhaqhazelisa amazinyo

Iziko lemo yezulu kweli loMzantsi Afrika i(South African Weather Service) ngokwamakhumsha likhuphe isilumkiso ngengqele enemvula ezakuthwaxa eli leMpuma Koloni kulempela veki sikhuyo.

Ngokwengxelo ye(SAWAS) kulindeleke ukuba leimmozulu ebandayo nenezakunetha ichaphazele iindawo ezininzi eMpuma Koloni. Kwezi zibaluloweyo kukho oomasipala besithili saseAmathole, iGreat Kei, uMbhashe kwakunye noMnquma.

Kulindeleke ukuba ezondawo zichaphazeleke kakhulu sesisimo semozulu. Ukanti uluntu namagosa liyacelwa luzilungiselele kwaye luhlale lukhuselekile ukuqala namhlanje ukuya kwimpelaveki.

Esisilumkiso semozulu singamsinga obandayo ngamandla nemvula enokuphembelela izikhukula kunye umonakalo kwizakhiwo.

Kusuka kolulwazi kubongozwa bonke oomasipala abaphantsi kwezi sithili zikhankanyiweyo ukuba bahlale bephaphile beqaphela naziphi na iintlekele ezinokuthi zehle ngelixesha.

Amalungu oluntu afundiweyo acetyiwe ukuba athintele ukuwela iibhulorho ezisezantsi kunye nemilambo.
Kananjalo abaqhubi beemoto bayabongozwa ukuba balumke kwaye bakuphephe ukuqhuba kwiindawo ezizele zizikhukula zamanzi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks