13.7 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

Bagwetywe iminyaka elishumi (10) abatyholwa ababini bebhadla emjiva ngezityholo zokonakalisa iziseko ezingu ndoqo

Ngomhla weshumi elinambini kuCanzibe 2023 amasela ebe iintambo kwaye atshabalalise iziseko zophuhliso ezibalulekileyo kufuneka aphathwe ngqwabalala njengoko izenzo zawo zokungakhathali zibe nefuthe kunikezelo lweenkonzo eluntwini.

NgoLwesine umhla weshumi elinanye kuCanzibe 2023, abarhanelwa ababini abaneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) kunye namashumi amabini anesixhenxe (27) bagwetywe iminyaka elishumi entolongweni kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ngenxa yokuphazamisana neziseko ezingundoqo.

Ngomhla weshumi elinesihlanu kweyeKhala 2022, i-SAPS Algoa Park yafumana ulwazi kuluntu lwabarhanelwa ababexakekile besomba iintambo zombane kwi-Old Uitenhage Road, eMissionvale. Aba babini batyholwa u-Khanye Pikoli (28), kunye no-Elgin Hart (27) babanjwa kwaye bavalelwa ngokoMthetho we-Criminal Matters Amendment Act – umonakalo kwiziseko ezibalulekileyo.

Bahlala eluvalelweni de kwagqitywa ityala.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMaj Gen Vuyisile Ncata usamkele esi sigwebo waza waphinda wathi esi sigwebo kufuneka sibe sisilumkiso nakwabanye abenzi bobubi abeba iintambo ezichaphazela iinkonzo zonxibelelwano, ezothutho zikaloliwe, amanzi nombane. ‘Imisebenzi yokungakhathali yaba baphuli-mthetho ichaphazela indlela yokuphila yabemi kunye neempembelelo kwintlalontle, ukusebenza kwemihla ngemihla okanye uqoqosho loluntu. Ngoko ke luxanduva lomthetho kunye noluntu ukuba luphaphe kwaye lubambe okanye luchaze nabaphi na abenzi bobubi abafunyenwe benyhasha iCriminal Matters Amendment Act,’ wongeze watsho uMaj Gen Ncata.

Imibuzo: UKapteni uSandra Janse Van Rensburg
0827797173

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
13.7 ° C
13.7 °
13.7 °
75 %
2.6kmh
74 %
Sat
13 °
Sun
16 °
Mon
13 °
Tue
22 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks