USodolophu woMaspala waseNgqushwa uSanga Siyabulela Maneli, izolo ekunye nesigqeba sakhe bavule ngokusesikweni indawo yokuthulula amafutha ezithuthi kunye neevenkile zokutya zikawonke-wonke i(ENGEN garage)
Eliphulo lokuphuhlisa idolophu yaseNgqushwa libone ukuxhamla abo bangathathi-ntweni sele befumana imisebenzi kwaye kuncediseka nokukhula koqoqosho lwaledolophana yaseNgqushwa.
Kalok Ngqushwa uphakathi kweedolophu ezinkulu ezifana neGqeberha kunye neMonti xa uhamba ngohola wendlela uN2. Legarage iyazibonakalela nje ngobuhle bayo kwaye awukwazi tuu ukuyiphosa xa udlula ngendlela.
Ukanti liphulo lihle kangaka likwancedisa nokongeza abakhenkethi abazakutyelela ledolophu nanjengoko ngoku iinazo neevenkile ezithengisa ukutya okukhawulezayo ezifana nooKFC; Steers & Debonairs.
Abahlali base Peddie, uvuyo lubhalwe ebusweni nanjengoko besithi kudala belulindele olusuku ukuze bakwazi ukuthenga kunokuya kwiidolophu ezikude ezifana neQonce ukuze ufumane iPizza.