27.7 C
King William's Town
Sunday, February 9, 2025

Obesaziwa ngelikaNozinja udutyulwe wabhubha phambi kwabantu eQonce izolo

AmaPolisa aseQonce aphantsi phezulu ekhangela abarhanelwa abadubule babulala umphathi wendawo ethengisa yentselo eseSweet Waters eQonce izolo.

Ngokwengxelo yeNkonzo yesipolisa eMpuma Koloni kutyholwa ngelithi amaPolisa alunywe iindlebe ngodubulo olwenzeka kwisitalato iFleet nalapho kwehle khona esi sehlo.

Ixhoba elineminyaka engamashumi amane anesibini(42) ubudala, nogama linguThabo Justice Beja obedume ngelikaNozinja, ebekhwele isithuthuthu sakhe ngethuba edibana nezihlandlo zeembumbulu esiqwini, nezitsho kuye wabhubha ngoko-nangoko.

Kukwatyholwa ngelithi kuye kwadubuleka nowasetyhini kumzimba ongasentla nobemele qelele kwesi sehlo. Ngethamsanqa akabhubhanga ze wabalekiselwa esibhedlele ukuze afumane unyango.

AmaPolisa aye kwakho afumana umgubo weziyobisi omnyama, iipilisi zeMandrax; umpu kunye nesixa-mali esingachazwanga kwixhoba elo libhubhileyo.

Ukanti ngaphambili amapolisa akhe afumana elixhoba kwindawo apho athengisa khona uTywala, eneziyobisi zohlobo lweTik ze kamva emva kwakho nesiganeko sokudutyulwa kwabantu ababini ngaphandle kwale ndawo yentselo eSweetwaters kwinyanga kaAugust.

Abahlali beelokishi neziphaluka zaseQonce bacandeke kubini, kambe bengxolisana nakumakhasi ezonxibelelwano ngabo bavuyayo kukubhubha kwexhoba, nebelityholwa ngokuthengisa iziyobisi. Abanye bathi uluntu malube nosizi kuba elixhoba linosapho olusentlungwini kukuphulukana nelungu labo.

Kuyacelwa nabanina onganolwazi okanye onokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa, uyabongozwa ukuba aqhagamshelane nabakwantsasana ku 082 301 7762 okanye ku crime stop ku 08600 10111 okanye kwisikhululo samaPolisa esikufutshane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
27.7 ° C
27.7 °
27.7 °
41 %
3.5kmh
11 %
Sun
25 °
Mon
18 °
Tue
26 °
Wed
37 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks