Ibambela lomkomishinala wePhondo uMajor General Zithulele Dladla uwubulele umsebenzi wabecuphi ababambe uWarrant Officer oneminyaka engamashumi amahlanu ananye(51) ubudala, ngezityholo zokudlwengula owasetyhini ngaphakathi kwezakhiwo zamapolisa eGriffiths Mxenge ngoMgqibelo umhla we(20 November 2021) ngorhatya eZwelitsha.
Ngokwengxelo yamapolisa, intwazana eminyaka engamashumi amabini ananye(21) ubudala ibi(hiker) isuka eQonce isiya eBreidbach ze yamiselwa yimoto yomrhanelwa ukuze amnike ilifti. Kuthe kusenjalo bekude kufuphi naseBreidbach, umqhubi wenza ngathi ufumana umnxeba, ntoleyo emnyanzelisa ukuba aqhube ngokukhawuleza ebuyela e-ofisini apho aphangela khona kanti kuqala undonakele.
Ekufikeni kwakhe e-ofisini, kutyholwa ukuba umrhanelwa uye wadlwengula ixhoba waze emva koko walilahla kufuphi nendawo Izele apho ixhoba liye lafumana indlela yokubalekela esikhululweni samapolisa ukuya kuxela okumehleleyo. Kuphando lokuqala, kwicandelo loKhuseleko loMntwana noLwaphulo-mthetho ngokweSondo, lifumene umrhanelwa ekundlunkulu wamapolisa eZwelitsha apho aye wabanjwa ze wavalelwa kwizisele zamapolisa. Elityala linikezelwe kwiCandelo eliZimeleyo leZikhalazo zamaPolisa ukuze kuqhutyekwe nophando.
Umrhanelwa uzakubekwa ityala lodlwekungula kwaye kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi yaseZwelitsha ngomso umhla we(24 November 2021)