Isonke Gender Justice ibibambe intlangasiso yentsuku ezimbini eGcuwa phantsi koMaspala waseMquma. Lentlanganiso egama liInkanyezi Projects inception ijongene nokushukuxa imiba yokuxhatshazwa kwabantu ngokwesini.
Eliphulo lihle kangaka belizinyaswe yiKumkanikazi kwindlu yamaXhosa uNonzuzo Sigcau. Lomsitho ngelishwa ufikelela koMaspala ababini kuphela uMbhashe kunye noMquma ngenxa yokunqongophala koncedo lwezixhobo zokufikelela kulo lonke uluntu.
Kumele kusetyenzwe kwaye kujongwe nendlela oonondaba abasebenza ngayo, ababhala ngayo amabali odlame nodushe ngokwesini kweli. Ukanti ke namanina mawanikwe ithuba lokukhokhela ingakumbi kwimicimbi yeGBV ngoba ngabo a banentshisakalo kakhulu ngesisilonda.

Kananjalo elivangeli lokuba kuyekwe ukuxhatshazwa kwabantu ngokwesini maliye nakwizindlu zeeNkosi zomthonyama, kwaye kubekwe imithetho nezakugunyaziswa ngamanina asebhuKhosini.
Ikumkanikazi yamaXhosa iyinxalenye yeentlanganiso ezilwa ukuxhatshazwa kuhlukunyezwe amanina kwaye ngokomnqweno weSonke Gender Justice kukuba ibenguye okhokela kwaye athethe kuqala kwiKumkani ngezikhalazo zamanina ngealengxubakaxaka. Oko ke kuyakwenza ukuba nomsebenzi weKumkani ubelula xa elingisa iSizwe.
Inkokheli zegazi, ziyabongozwa kangangoko ukuba zincedisane namanina ukulwa oludushe lokuhkukunyezwa koluntu ngokweSini. Kwiindawo okanye kukuhlala kwethu masikuthathele ingqalelo, kwaye siphakame sonke sililozwe.
Ixhaphazo ngamanye amaxesha luye lukhokelelwe nakukukhula komtwana engenatata. Kulentlanganiso kukwakhuthazwe amanina ukuba angabinasazela ngokunyanzela amadoda ukuba athathe inxaxheba kudushe noxhaphazo lwesini.







