15.2 C
King William's Town
Thursday, September 5, 2024

KAYAXHALABISA KUMAFAMA UKUBHAQWA KWE-BUBU LEENKUMBI EZIFANAYO KWIZIPHALUKA  PHANTSI KOMADIPSLA INGQUSHWA KWELI LEMPUMA KOLONI.

Ibubu leenkumbi ezifanayo liye labhaqwa kwiindawo ezithile zeMpuma Koloni, kwiNgingqi yaseNgqushwa phantsi kwesithili -Amathole. Oku kubangele uloyiko olukhulu kubalimi njengoko benexhala lokufa kwezityalo zabo. Ezi nkumbi zibangela umonakalo omkhulu kwizityalo kwaye kunyaka ophelileyo ngokwengxelo zitshabalalise izityalo.

Isebe lophuhliso lwamaphandle nezolimo lihlabe ikhwelo kumafama ukuba atshize ngokugqithisileyo amayeza okubulala izinambuzane ngokungeyomfuneko kuba oku kungangcolisa umhlaba kwaye kubangele umonakalo omkhulu. Ukulungiselela oku isebe liseke iqela leekontraka zokulawula iinkumbi eziya kuqeqeshelwa ukuqhuba nokujongana nomsebenzi wokutshiza emasimini ngokukhawuleza.

Abahlali belali ezingqonge ingingqi yase-Amathole bathe balunyukiswa ukuba bajonge imfuyo yabo emva kokuba ethe saa amasimi achaphazelekileyo. Kuqikelelwa ukuba kuya kuthabatha iintsuku eziyi-14 ukuze amasimi asele elungele ukutya. Abalimi babongozwa ukuba bazole ngeli xesha. Ngokwengxelo ekhutshwe liSebe lezoLimo, uhlengahlengiso lomhlaba kunye nophuhliso lwamaphandle (DALRRD) nge-6 kaMeyi, ibubu leenkumbi ezimdaka laqatshelwa ngo-2021.

Ulawulo eMzantsi Afrika lugunyazisa isebe lesizwe ukuba liqeqeshe kwaye lisasaze izitshizi, libonelele ngemichiza, izixhobo, kunye nempahla ekhuselayo kwizitshizi ezithatha inxaxheba, kwaye libonelele ngeziseko ezingundoqo nobuchule obufunekayo ukuze kulawuleke ngokufanelekileyo imisebenzi yolawulo nokuphumeza ezinkqubo.

UMasipala i-BCM uthe wasecicini lokuba ungachaphazeleka emva kokuba igquba leenkumbi ligqobhozele eStutterheim  liqwenga iigadi kunye nezityalo ngokufanayo. Isithethi saseBCM uBathandwa Diamond uthi umasipala uyibeke esweni le meko. Kwaye bacele iSebe labo lezempilo lokusi- Ngqongileyo ukuba libanike ingxelo yobume kunye nesicwangciso.

Usodolophu woMasipala iNgqushwa u-Sanga Siyabulela Maneli uthi oku kuyaxhalabisa kwaye namhlanje bazakuba ne-Workshop ezakujongana namafama ,abalimi nabahlali ngokubanzi ukukhawulelana nalemeko. kwaye kuzofundiswa ngendlela yokhusela imfuyo nanjengoko beza nento yokuba  kutshizwe kwiindawo ezichaphazelekayo, kwaye apho kutshizwe khona akufunekanga imfuyo itye kuloondawo okwexeshana.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
84 %
6.4kmh
100 %
Thu
14 °
Fri
18 °
Sat
17 °
Sun
19 °
Mon
13 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks