15.2 C
King William's Town
Wednesday, December 4, 2024

INkulumbuso yephondo leMpuma Koloni ikhokele igqiza eliya eJamani kutyelelo olusemthethweni

Inkulumbuso yeMpuma Koloni uLubabalo Mabuyane uzakukhokela igqiza likarhulumente kutyelelo lwaseburhulumenteni eLower Saxony, eJamani ukusukela kule mpelaveki siyishiyayo ukuya kutsho ngomhla weshumi elinanye kweyeNkanga.

Isithethi kurhulumente wephondo, uKhuselwa Rantjie, uthe eyona nto iphambili kuphononongo lotyalo-mali kunye namathuba orhwebo azakuthi axhamle iMpuma Koloni neJamani.

Uthe uthethathethwano olukwinqanaba eliphezulu luya kubonakalisa ubume bobudlelwane bamazwe amabini kwaye ngokufanayo achonge iindawo ezintsha zentsebenziswano.

URantjie uthe iMpuma Koloni kunye neLower Saxony batyikitye isibhengezo sokusebenzisana nokuphuhlisa ubudlelwane bobuhlobo ngo-1995 ze emva koko zabuhlaziya ngo-2004.

Uthe esi sivumelwano kwiminyaka edlulileyo sibe nomphumela wokuphunyezwa kweenkqubo ezijolise ekuphuculeni iimeko zentlalo noqoqosho lwephondo.

Ukongeza kwiindibano ezicetywayo, iNkulumbuso iza kuya kundlunkulu weQela lakwaMercedes-Benz ukuze ibeke iphondo kwimeko yokwandiswa kwale nkampani kwixesha elizayo, ize iqhubele phambili iye eBerlin ukuze kulandelelwe uthethathethwano noshishino kunye noluntu lwabatyali-zimali.

UMphathiswa uFundile Gade ufungiswe njengeBambela leNkulumbuso ngeli xesha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
91 %
1.3kmh
70 %
Wed
24 °
Thu
21 °
Fri
29 °
Sat
23 °
Sun
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks