15.6 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Inkwenkwana(5) idlwengulwe yabulawa kuTsolo

INKWENKWANA ENA 5YRS UBUDALA KU TSOLO IDLWENGULWE YABULAWA FRIDAY 29TH APRIL:

Yinkwenkwana eminyaka mihlanu(5) ubudala, edlwengulwe yabulawa yidyongwana yomfana yakuTsolo ngolwesihlanu weveki ephelileyo umhla we (29 April 2022)

Ngokwengxelo esiyifumene kuPETROS MAJOLA wombutho ongenanto yakwenza noRhulumente olwela amalungelo abantwana, uthi ngumtwana ogama linguAsithandile Mene(5) othe wadlwengulwa  yidyongwana yasekuhlaleni etsale lontwana kanti uyokumdlwengula. Kuvakala ukuba, ngethuba esenza elisikizi, umtwana uye wakhala ze umrhanelwa woyika ukubhaqwa egqiba kwelokuba akrwitshe umtwana kuba efuna ukuba athule. Ukrwitshe ke de wabhubha kulondawo yexhwayelo.

Okugcono, kukubi kunjalo kukuba uye wawaxelela ngokwakhe umrhanelwa amapolisa ukuba umfihlephi umtwana. Apho afinyenwe embathiswe ngelaphu lefestile kubekwe izinki phezu komzimba womtwana.

uPetros Majola ubhale esenjenje: Ndiyaphinda ndiyacenga kumadoda ase Mpuma Koloni nawase Mzantsi Afrika kudala noko ngoku. Phaya kuTsolo eMdibanisweni ilali kukho indoda edlwengule umntana oyinkwenkwana obezakudibanisa 6yrs ngo August walonyaka, kodwa ubomi bakhe buphelele ezandleni zesisidlwengu. Ukhalile uboy xa elalwa leligxibha, yaza lendoda yaphazamiswa sesisikhalo yamkrwitsha wabhubha umntana.

An innocent angel of God engekazi nto ngesilalo kodwa ifele esilalweni idlwengulwa ngumntu ozibiza ngokuthi yena yindoda. Makaphumle uAsithandile kodwa umphefumlo wakhe uncedisane nathi ekufumaneni isisombululo, ancede afumane amandla andikrwitshele lomfana kula Jele avalelwe kuyo. LO MANYALENI KA MTYHOLI. Ixhelekile i family kwaye ithi iyaludinga uncedo ngelixesha lesisithwakumbe.

Issued by Khula Community Dev. Project EC.
PETROS MAJOLA
04th May, 2022

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
72 %
4.9kmh
88 %
Fri
40 °
Sat
24 °
Sun
26 °
Mon
23 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks