NDA (National Development Agency) & NATIONAL DEPT. OF SOCIAL DEVELOPMENT NGAMAXELEGU ADLALA NGAMANDLA ABANTWANA BABANTU:
COVID-19 special program Volunteers zisebenze inyanga ka February & March walonyaka 2021 phantsi kwesithembiso se Stipend esaziwayo ngalamaziko mabini kunye nama Volunteer abencedisa abantu ngemigqaliselo ye Lockdown ebekwe ngu Rhulumente.
Ukanti lama volunteer ebekwancedisa abantu ekufakeni izicelo zenkxaso mali eyi R350 elungiselelwe abo bathwaxwa yimeko yokuzibona sebesebunzimeni ngenxa yale ntsholongwane ingumbulala-zwe. Ukanti naxa umntu engafumani mpendulo ibikwangumsebenzi wabo ukuncedisa ekujongeni ukuthi kwenzekani ukuze kulandelwe kulungiswe apho kuxinge khona
Ngoku kuphela unyaka IMALI KA FEB & MAR AYIPHUMI ukuza kubantwana babantu abayisebenzele kabuhlungu. PHOFU KUSELE 3 MONTHS KUQALE UNYAKA-MALI OLANDELAYO.
Nindincedise naphaya ku Twitter ide iyokufika kulo ogcine imali yentsizana zabantwana babantu.
NDA & SOCIAL DEVELOPMENT IPHI IMALI YABANTWANA BABANTU?
Kudala nithembisa nisithi iyeza, kuphela unyaka ngoku kuba siku December, IPHI IMALI YEENTSIZANA ZABANTWANA ABANGATHATHI NTWENI?
SIBOLEKENI LAMPAHLA IYAFUNEKA BALAMBILE ABANTU & BAYISEBENZELE.
KumaPhondo oyi 9 kutsho isikhalo abantu abayinikwa imali yabo ngu NDA no SOCIAL DEVELOPMENT. Minister Lindiwe Zulu nawe CEO yakwa NDA📢 nikani abantwana babantu imali yabo.
Enkosi, kutsho mna
PETROS MAJOLA waseNgqushwa eMpuma Koloni.