UAmahle Qomfo oneminyaka elishumi elinesithandathu (16) uye wabamba umsitho wokunikezela ngezihlangu zesikolo kubantwana belali yaseNcera, ezinikezelwe siskolo esiphakamileyo i-Clarendon yabantwana baseNcera Village, nge-9 kweyeKwindla 2024.
Le ntombazana yenza ibanga leshumi elinanye (11) kwisikolo sabucala eSt Christopher’s yaaseka i-Amahle Qomfo Foundation ngonyaka ka-2017 eneminyaka elith0ba (9) ngenjongo zokunceda abantu.
“Ingcamango okanye inkuthazo emva kwesi siseko iphuma ekufuneni ukwenza umahluko phakathi koluntu lwethu, ukufuna ukuba lutshintsho esifuna ukulubona,” utshilo uAmahle.
“I-Foundation iyazingca kakhulu ngokunceda abantwana abangathathi ntweni. Ndiye ndisebenzise imali endiyifumene kukhuphiswano lokumodela ukuthenga izinto zesikolo zabanye abantwana. Akukho maziko kaRhulumente, imibutho yezopolitiko okanye inkampani esixhasa ngemali, sixhomekeke kakhulu kwiminikelo kunye nakubantu abanomdla wokuncedisa ngexesha labo”.
UAmahle wongeze ngokuthi bangavuya kakhulu xa kunokuvela inkxaso enokuba sisigxina ukwenzela eliphulo lufikelele kuninzi lwabantu kwaye luqhubeke rhoqo. Uthe iimvakalelo ayivayo xa ebona abantwana beluvuyela uncedo lwakhe yenza ukuba azive enegalelo ekuphuculeni imeko esiphila phantsi kwayo eMzantsi Afrika.
I-Amahle Foundation isebenze nabantu abaninzi ngaphambili ekuzameni ukuphuncula imeko yabantwana abaphuma kumakhaya angathathi ntweni, esi siseko kweliphulo sisebenzisane ne-Isibindi Foundation, i-“Clarendon High School class of 2023”, abathe banikela ngentabalala yezihlangu zesikolo, i-RoundTable eyakhe indlu/isakhiwo esifanelekileyo kwikhaya leenkedama, iNkampani i-Sundale Dairy eyanikela ngeemveliso zobisi kwi-Angels Orphanage Home, Ulawulo lweNkunkuma yeDNF yanikela ngempahla yangasese kumakhwenkwe nabasetyhini abasebatsha, kwiSebe lezoBulungisa eMonti, abathe banikela ngempahla, izixhobo zesikolo kunye nezihlangu, Thandolwethu Giving Hope Foundation enikele ngemfumba ye-Sanitary towels.
Amahle uthe i-Foundation yakhe ijoliswe kubantwana abahlala kwintlupheko okanye abangathathi ntweni kwaye bafuna uncedo. UAmahle uqhube ngelithi injongo zakhe kwixesha elizayo kukufundisa abantwana izakhono abanokuthi bazisebenzise kwaye bazilolonge ukuzigcina bedlamkile empilweni.
Kukho iindlela ezininzi zokuba abantu bathathe inxaxheba kwaye baxhase isiseko. Enye indlela kukwenza iminikelo yemali ngeminikelo. Enye indlela kukuvolontiya ngexesha ngokuthe ngqo nesiseko okanye ngomnye umbutho oxhaswa sisiseko. Abantu banokunceda kwakhona ngokuphakamisa ulwazi malunga nomsebenzi wesiseko kunye nomsebenzi, ngokusebenzisa imidiya yoluntu okanye ukuthetha ngomlomo.
UAmahle ubongoza nabani na onokuba nomdla wokufaka isandla kweliphulo lakhe anxulumane naye kule nombolo 074 380 0057.
By Siyakholwa Vuso