Intswela ngqesho ngowona mnqantsa ujongene nephondo leMpuma Koloni

Ilungu le DA lendlu yoWiso-mthetho eMpuma Koloni uBobby Steveson uthi umbhodamo wentswela-ngqesho usathe gqolo ukuqhambuka kwiphondo leMpuma Koloni, nto leyo ephelisa amathuba emisebenzi kweli phondo.

Uthi amathemba namaphupha abantu beliphondo, ingakumbi ulutsha.

Kwingxelo yakhe uthi kwiinkcukacha-manani zakutsha nje zentswela-ngqesho, kwikota yokuqala ka-2024, zibonakalisa ukuba iMpuma Koloni iphulukene nemisebenzi engamashumi asixhenxe anesixhenxe amawaka (77 000) kwezi nyanga ukusuka kweyoMqungu ukuya kweyoKwindla.

UStevenson uthi untswelangqesho kweli phondo iyenyuka, kwaye naziphi na iinzuzo zethutyana ngoku ziphelisiwe. Uthi eli phondo likwelona nqanaba libi lentswela-ngqesho elizweni kuwo omabini amanani asemthethweni, elinyuke laya kutsho kuma-42.4%, kunye nenani elandisiweyo lama-49.1%.

Uthi Xa ujonga inani labantu abangaphangeliyo elandayo ngaphandle komasipala ombaxa iNelson Mandela Bay kunye neBuffalo City umfanekiso ubonakala umfiliba, ngomyinge wamashumi amahlanu anesixhenxe (57%) abantu abangenamsebenzi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.5 ° C
24.5 °
24.5 °
69 %
4.3kmh
60 %
Sat
22 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA