Abahlali bakwidolophu yaseNgqushwa ndawonye nomasipala wesithili i-Amathole, nomasipala wokuhlala iNgqushwa, abafundisi bakwalizwi neenkosi zemveli, ngoLwesibini umhla weshumi elinesine(14) kuCanzibe babambe isikhumbuzo sezibhambathiso eseenziwa ngamamfengu ngokanyaka ka1835 phantsi komthi uMqwashi kwilali yaseNgqushwa kuledolophu.
Phantsi kwezibhambathiso ezithathu lomnombo wamaMfengu, wenza izifungo zokuba, bazokumkhonza uThixo uYehova, bazakubasa esikolweni babafundise abantwana babo, kwaye bazazakuthobela urhulumente omphetheyo.
Omnye wabaququzeleli balomsitho uMnu. S Stamper ugxile kabanzi ngohambo osoluhanjiwe phantsi kwezizifungo ekwanika umkhomba-ndlela kwizinto ezizakwenziwa ukuqhubeka phambili. Phakathi kwezinye zezinto uStamper ugxininise ukuchuma komhlaba waseNgqushwa, ebabaza ukutyeba nokondleka kwemfuyo. “INgqushwa ibambe indawo yesibini kwilizwekazi iAfrica ekuveliseni inyama yenkomo, ze ibambe iindawo yokuqala kumazwe asemazantsi eAfrica.” utshilo uStamper.
Ukwathe iNgqushwa iphuma agqbini kwimizimveliso efana namapayina kunye nama-orenji. Kwintetho yakhe uStamper ukhalimele kabukhali isenzo sabantu abasemagunyeni abathi bathengisa iimpepha-mvume zokuloba iimbaza kunxweme laseNxuba koondlebe zikhany’ilanga baseNtshona Koloni, esithi kungoku nje uhlaba ikhwelo kuluntu lase Ngqushwa ukuba mazibuye ezimpepha mvume kuba obu bubutyebi baseNgqushwa.
Ekuqukumbeleni kwakhe intetho yakhe uStamper ubonge uMaspala ngokuthathela ingqalelo ubusi obuxhaphake eNgqushwa esithi kwiintsuku ezimbalwa ezizayo kuzokuphehlelelwa kobusi ngokudesikweni (Honey Processing Plant).

