Nisamkhumbula moss lamntana wase Ngavungavu eLibode owayezelwe ekhangeleka engumntu ogugileyo? Lamntana wayenala condition eyanyaniswa neProgeria Syndrome.
Kuluvuyo ukwazisa ukuthi nangona yena waye wabhubha kodwa uRhulumente wase Mpuma Koloni waye wasigcina isithembiso sokubakhela indlu, igqityiwe yona indlu kwaye uMEC Nonceba Kontsiwe kwaEC Human Settlements uzakube enikezela londlu this Thursday 23rd December 2021 kwikhaya lalentwazana, uMEC unqwenela ukuthi i Krisimesi bayityele kwindlu yabo.
Wanga umntana angahlala aphumle, ngalo Thursday ajonge abone ikhaya lakhe elitsha ancume nangona sele engasekho. Ewe kuhlekisiwe ngale condition yakhe kodwa nalo wayehlekisa ndithi ngoyena wasincedayo thina ukuze sikwazi ukubona lemeko sazise noRhulumente wePhondo.
Akukho lula kona, kodwa mna ndithi masinyamezele kuzakude kulunge.
Nibene Krisimesi emyoli neNyibidyala eyokozela amathamsanqa nezibele.
Ndinithanda kakhulu