21.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Ipolisa laseGqeberha lidutyulwe labethwa- ngamalungu oluntu

Igosa lepolisa laseGqeberha likwimeko emaxongo esibhedlele emva kokuba lifumene inxeba lokudutyulwa esandleni ngethuba libethwa kanobom, lityholwa ngabahlali baseBethelsdorp ngoMgqibelo.
Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi uConstable, nowayengekho emsebenzini ngelo xesha, uphendule kwisiganeko sokudubulana nogxa wakhe kwisitalato iKlaasen emva kwemini.

Uthi baleqa umntu omnye owabonwa ebaleka nompu kodwa yena wawujula ngethuba beleqa.

UColonel Naidu uthi elinye ipolisa lasala ngasemva ukuze likhusele umpu ngelixa elinye liqhubeka nokusukela umrhanelwa.

Uthi uluntu luye lwangalawuleki kwaye lunobundlobongela, ipolisa elalileqa umrhanelwa lafunyanwa kamva eyadini ekwisitalato i-Esterhuizen, nompu esandleni sakhe wabethwa kanobom.

Kwacelwa i-backup kwaye uConstable wasiwa esibhedlele ekwimeko embi kakhulu.

Amapolisa aphanda ityala lokuzama ukubulala kwaye kwavulwa uphando malunga nompu ofunyenweyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
21.2 ° C
21.2 °
21.2 °
48 %
5.9kmh
30 %
Wed
21 °
Thu
22 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks