17.2 C
King William's Town
Wednesday, July 17, 2024

Libanjwe kuGatyane inani elityolwa ngokutshisa ibhasi

Libanjiwe inina ekutyholwa ukuba latshisa ibhasi yakwa Eagle Liner eCape Road, eGqeberha ekuqaleni kwale nyanga.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi abecuphi baseMount Road bafumene ulwazi lokuba umrhanelwa ufike kwindlu kamama wakhe kuGatyana kwiveki ephelileyo.

Uthi kwenziwe amalungiselelo namapolisa asekuhlaleni ukuba abanjwe.

Umrhanelwa onamashumi amabini anesine ubudala ukhweliswe wabuyela eGqeberha nalapho kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yasekuhlaleni ngoMvulo.

Ngomhla wesibini kuNovemba, lo mfazi kutyholwa ukuba wayenengxabano nenkampani yebhasi ngenxa yeselula apho wayegrogrisa ngokutshisa ibhasi.

Ibhasi yatshiswa phambi kokuba umrhanelwa abaleke kwindawo yexhwayelo.

Umonakalo webhasi ubalelwa kwi R3.2 yezigidi zeerandi.

Eli bhinqa lijongene netyala lokonakalisa impahla.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
51 %
3.4kmh
100 %
Wed
17 °
Thu
24 °
Fri
20 °
Sat
16 °
Sun
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks