27.7 C
King William's Town
Sunday, February 9, 2025

Uqhanqalazo luthintela ezinye izikhululo zobhaliso eMpuma Koloni ekuvuleni

Uqhankqalazo lwabahlali kwizithili ezithathu eMpuma Koloni lubangele ukuba izikhululo zokubhalisela ukuvota zivulwe ngoMgqibelo, ngokokutsho kweKomishini yoNyulo eZimeleyo kweli phondo.

Igosa lonyulo ephondweni, uKhayakazi Magudumana, uthe kukho iingxaki kwizikhululo zobhaliso ezingamashumi amabini apho uluntu luqhankqalaza kunye nemiba yokuhanjiswa kweenkonzo nangona amagosa e-IEC ekulungele ukuqhubeka nokubhalisa.

Ubongoze uluntu ukuba bavumele abo banomdla wokubhalisela ukuvota benze njengoko ililungelo labo lweNkululeko kulandela uqhanqalazo lwesithili saseOR Tambo, Alfred Nzo kunye neSarah Baartman.

UMagudumana ukwahlabe ikhwelo kuluntu olungakwazanga ukubhalisa ngoMgqibelo ukuba lubhalise ngeCawe, ngomhla wokugqibela wokubhalisa.

Kusenjalo, i-IEC eMpuma Koloni ithe kuhlaziyo lwangorhatya lwangoMgqibelo ukuba kukho “i-177 000 yabantu ababhalisileyo”, apho abangama-25 394 babhaliswa okokuqala.

Igosa lonyulo ephondweni lithe baphinda bayi-104 500 abantu abaphinde babhalisela ukuvota logama abantu abangama-47 106 batshintshe izithili zabo zokuvota.

UMagudumana uthe iNelson Mandela Bay kunye nomasipala ombaxa weBuffalo City ngabona baninzi ababhalisileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
27.7 ° C
27.7 °
27.7 °
41 %
3.5kmh
11 %
Sun
25 °
Mon
18 °
Tue
26 °
Wed
37 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks