18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Uphando olutsha lufumanisa ukuba ukupheliswa kwe-HIV kunokwenzeka ngakumbi kubantwana abangamakhwenkwe kunamantombazana.

Uphando luye lwafumanisa ukuba abantwana abangabafana banokwenzeka ukuba bafumane indlela yokunqanda ulosuleleko lwentsholongwane (i-HIV) kunamantombazana e-KZN. Olu phando lwenziwe ngoochwepheshe bezenzululwazi ezisuka kwiYunivesithi yaKwaZulu-Natal kunye namanye amaziko, kuquka ne Yunivesithi i-Oxford.

Iintsana ezingamakhulu amabini namashumi asibhozo anesine (284) zizonke kunye noomama bazo abaphila ne-HIV beza phantsi kokuqwalaselwa phakathi konyaka ka-2015 no-2023.

IEast Cost Radio ithi umphandi okhokelayo ovela e-UKZN, uGqr Gabriela Cromhout, uthi unyango lokulwa ne-HIV lwaqala ekuzalweni.

“Into esikwazileyo ukuyibona kukuba, ngokubanzi, amabhinqa afumana i-HIV ngokulula kunamadoda. Kumadoda afumana iHIV maninzi amathuba okuba bakwazi ukuzilawula ngokwabo kunabasetyhini.”

UCromhout uthi ukuba banokumisela indlela amajoni omzimba kumakhwenkwe akwazi ngayo ukulawula le ntsholongwane, baya kuba linyathelo elisondeleyo ekufumaneni unyango olunokubakho. Sikwazile ukujonga umahluko kunye neentsholongwane ezadluliselwa kumadoda jikelele nakumabhinqa jikelele kunye nendlela la madoda mahlanu ahluke ngayo kuba sasinabantwana abahlanu ngokuchasene netyala elinye nje.

“Besizama ukujonga iindlela ezibangela olu lawulo lonyango lokutyhala nalapho ngoku sinokujolisa ngakumbi kunyango lwethu lokungenelela kwe-HIV kumadoda, amabhinqa kunye nabantwana.”

“Abakho nje ngaphakathi ebantwaneni kodwa nakubantu abadala,” utshilo uCromhout.

By Ongeziwe Ntondini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks