27.7 C
King William's Town
Sunday, February 9, 2025

Ixesha lokuhlala phantsi liphelile, Phanda Mzansi

Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, isegqeba esitsha nesikhokelwa nguLonwabo Rani; Anelisa Zono; Nohlanga Bomoyi kunye noSamora Madikane sime ngenyawo. Esisigqeba nesibizwa ngegama iPhanda Mzansi esinenjongo yokuphuhlisa izakhono kwanokuxhasa ooSomashishini abasakhulayo.

Ezintloko sezigqeba, ngamatsha-ntliziyo nabo abanamashishini abo aquka namaphulo azama ukunceda uluntu.Ngamnye kubo, lishishini kunye nephulo lokunceda, ntoleyo eyenze baququzelela esisenzo.

Eliphulo lisungilwe ngokusesikweni kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, kwindawo yolonwabo eKoneni Lounge nezinze eMdantsane. Kweliphulo bekumenywe osomashishini, bethengisa izinto zabo kambe abanye bebonisa oko abakwazi ukuzenza.
Kaloku iPhanda Mzansi yaqala ngembiza encinci yesiXhosa(potjiekos) nebiphekwa kwindawo yokuphumla nokulala iSmart Diva, nayo ezinze eMonti.

Lembisa yayikhutshwa mahala, kwigumbi eliquqizelela ukuphuhliswa kooSomashishini ukuze baxoxe kwaye batshintshiselane ngoko banako ukuze kubekho inkqubela kwiPhondo leMpuma Koloni.

Eliphulo lePhanda Mzansi lizimisele ukutyhutyha iidolophu zoMzantsi Afrika, kumenywa ooSomashishini ukuze benze abadume ngazo. Kaloku iPhanda Mzansi isazimisele kwakho ukuqhuba amaphulo eminikelo eluntwini ngezoshishino kunye nee(Competitions) ezizakuncedisa ukukhulisa ishishini lomtu waseMzantsi Afrika.

Bayamenywa abanomdla ukuba baxhamle kumaphulo ePhanda Mzansi, nezimisele ukuncedisa inani eliqingqiweyo kwisabelo mali esingange R100 000 ukuncedisa abo bafumaniseke bekulungele ukuncedwa leliqela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
27.7 ° C
27.7 °
27.7 °
41 %
3.5kmh
11 %
Sun
25 °
Mon
18 °
Tue
26 °
Wed
37 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks