UMtolo uthi uyawarhoxisa amazwi adala ukungathembani kunye nochuku olungeyomfuneko phakathi kweANC eKwaZulu-Natal neNehawu.
Unobhala we-African National Congress (ANC) kwiphondo laKwaZulu-Natal, uBheki Mtolo, ucele uxolo kwimanyano yabasebenzi bezempilo, iNational Education, Health and Allied Workers’ Union (Nehawu). Oku kuza emva kokuba etyhole le manyano ngokuba ngunobangela wokungahambi kakuhle kweenkonzo kumasebe ohlukeneyo karhulumente aquka iSebe lezeKhaya neSouth African Social Security Agency (SASSA).
Kwingxelo yakhe, uMtolo uthi uyawarhoxisa amazwi adala ukungathembani kunye nochuku olungeyomfuneko phakathi kweANC ephondweni neNehawu. Intetha yakhe ibangele ukuba iNehawu immangalele uMtolo kunye neANC ifuna imali ezizigidi ezibini zeerandi ngokunyelisa.
UMtolo uthi bekukho indibano izolo phakathi kweANC eKZN, iCongress of South African Trade Unions (Cosatu) kunye neenkokeli zombutho wabasebenzi bezempilo ukulungisa ubudlelwane.
UMtolo uthi amazwi akhe ngeNehawu wawathetha ephindisela kwizigxeko ezazijoliswe kumbutho owawusakuba ngumbutho olawulayo ngokuthatha inxaxheba kurhulumente womanyano lwesizwe (GNU).
UMtolo uthi uNobhala Jikelele we-ANC uFikile Mbalula kule ndibano ubongoze iinkokeli zeANC ukuba zingazichasi izigxeko ezakhayo.