By Esona Magawana.
Ngomhla wama-28 Kweyekhala 2025, iSebe lezeMfundo eMpuma Koloni kunye neDyunivesithi iWalter Sisulu, ngokubambisana noMasipala wasekuhlaleni iWinnie Madikizela-Mandela, bebambe umsitho obalulekileyo wokukhuthaza abafundi ukuba bafake izicelo zeeBhasari eMethodist Church of Southern Africa kwaWadi 01.
Lo msitho ubujoliswe ekukhuthazeni nasekuxhaseni abafundi beBanga leshumi (12) kunye nolutsha olungaphangeliyo oluphumelele ibanga leshumi (12) ukuba bafake izicelo zokufumana uncedo-mali lwezemfundo, kuquka:
* Fundza Lushaka Bursary
* Matthew Goniwe Bursary
* Military Veterans Bursary
* MEC’s Top Achievers Bursary,
kunye nokufaka izicelo zokufunda kwiDyunivesithi iWalter Sisulu.
“Siliphondo sinengxaki yokunqongophala kootitshala abanezakhono ezifanelekileyo, ngakumbi ootitshala abafundisa isiXhosa, isiAfrikaans, iZibalo kunye nabo banokufundisa abantwana abanezidingo ezizodwa zophuhliso lwengqondo. Ngenxa yoko sibongoza abantwana ukuba basebenzise elithuba bafake izicelo zokufundela ubungcali bokufundisa kwezi ndawo,” utshilo uMnu. L. Mgijima osuka kwiSebe loPhuhliso lwaBasebenzi (Human Resource Development) kwiSebe lezeMfundo.
Abafundi base AD Tshayingca, Phakama uKhanye Secondary School, kunye nabase Bizana Village, nabahlali baye baphendula ngothando nolonwabo, bephuma ngobuninzi babo ukuzimasa lomsitho.
UMnu. S.S Lothe, ongunobhala weNEHAWU weSithili udlulise umbulelo wakhe omkhulu kubaququzeleli balo msitho, encoma ukuba oluhlobo lweenkqubo kufuneka lufikelele nakwiindawo ezisemaphandleni.
“Sifuna bonke abantwana baseMbizana, kuquka nabahlala ezilalini, babe namathuba afanayo okufumana ulwazi kunye nokuxhaswa kwezemfundo,” utshilo.
UMasipala uqinisekisa inkxaso eqhubekayo kumaphulo afana nala ancedisa ekwakheni ikamva eliqaqambileyo kubantwana boluntu.

