ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni lithathe amanyathelo ngemphatho gadalala yabafundi kwiSikolo iOsborn.

By Asemahle Mbete.

ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni linolwazi ngomfanekiso ophazamisayo obonisa isandla esonzakeleyo somfundi owasasazwa kumakhasi onxibelelwano ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyeKhala ngo2025 etyhola ngokubethwa ngootishala besikolo samabanga aphakamileyo iOsborn.

Isebe lizithathele ingqalelo ezi zityholo kwaye lithathe amanyathelo akhawulezileyo kusuku olusemva kokuba esi siganeko sichaphazeleke ngokudibana neqela lolawulo lwesikolo apho kuye kwaqhutywa uphando ukuze kungqinwe ezi zityholo. Iziphumo zesebe zingqina ukuba ngenene esi siganeko senzeke kwisikolo esiphantsi kweSithili seMfundo iAlfred Nzo West, kumfundi webanga leshumi (Grade 12) kwesi sikolo, isohlwayo sokubethwa sisaqhutywa kwesi sikolo kwaye lo mfundi wohlwaywe ngokukodwa kuba engahlawulelanga uhambo lwebanga leshumi.

Uphando olubandakanya iindibano zothethathethwano nabafundi bebanga leshumi (12), umfundi obethiweyo nabafundi abakwizikhundla zobunkokeli baye bangqinisisa izityholo nokuba aba titshala babini bachaphazelekayo baqeshwe esikolweni njengangoku. Ngenxa yezi ziphumo, isebe lemfundo lithathe amanyathelo akhawulezileyo ekuqapheleni ubuzaza bale meko laze layinqumamisa iNqununu yesikolo, ngoku kulindelwe isiphumo sophando olupheleleyo.

Isebe licebisa ukuba kwenziwe uphando olunzulu ngalo mba ukuze kuqinisekiswe ukuba onke amaqela anoxanduva lokuphendula.

Isebe lizibophelele ekuqinisekiseni ukuba izikolo zalo zibonelela ngendawo ekhuselekileyo nekhulisa bonke abafundi nokuba onke amanyathelo ayimfuneko aya kuthathwa ukuze kulungiswe esi sehlo nokuthintela ukuba kwenzeke iziganeko ezifanayo kwixesha elizayo.

Isebe likwabongoza bonke abathathi-nxaxheba ukuba basebenzisane nolu phando kwaye baqinisekise uluntu ukuba isebe liya kuthabatha amanyathelo aqinisekileyo ukulungisa naziphi na izenzo ezigwenxa ezenziwa ezikolweni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
11.8 ° C
11.8 °
11.8 °
90 %
2.7kmh
12 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA