Ngokwengxelo yeSebe lezoThutho ePhondweni, kusweleke abantu abane kwingozi yemoto ngaseDutywa izolo umhla wamashumi amathathu kweyeSilimela 2024, abanye ababini abasindileyo babalekiselwe kwisibhedlele saseGcuwa emva kokufumana umonzakalo omkhulu. Oku kwenzeke emveni kokuba umqhubi eye waphulukana nesithuthi saze sabhukuqa kwindlela uN2 eDutywa, eMpuma Koloni, ngeCawa.
Ngokwengxelo yesebe lezothutho ephondweni, abanye ababini abasindileyo babalekiselwe kwisibhedlele saseGcuwa emva kokufumana umonzakalo omandundu.
Le moto ibinabantu abathandathu, ekukholelwa ukuba bebengamalungu ecawe.
“Singaqinisekisa ukubhubha kwaba bantu bane kula ngozi yenzeke kuhola wendlela uN2 ngaphandle nje kwaseDutywa. Ibingabantu ababhinqileyo abane, abantu abadala ababhinqileyo, ngelixa umqhubi oyindoda kunye nomnye oyindoda bebalekiselwe esibhedlele,”
sitshilo isithethi sesebe lezothutho ephondweni u-Unathi Binqose.
Bangaphaya kwamashumi amabini anesithandathu abantu abathe babhubha eMpuma Koloni ngenyanga yeSilimela kuphela.

