ISebe lezeMfundo ligxeka ukuhlaselwa kwabafundi ababini kuMasipala iNelson Mandela.

By Asemahle Mbete.

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uthi iintliziyo zabo zilila neentsapho kunye nezihlobo zabo bangasekhoyo ngeli xesha linzima ngendlela. Isebe lithi iNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika iqhuba uphando olunzulu ngeemeko ezingqonge esi sehlo, esenzeke ngexesha lokubhiyozelwa koSuku loLutsha.

ISebe libongoza nabani na onolwazi ukuba eze ngaphambili ancede abasemagunyeni.

“Ukhuseleko nempilo entle yabafundi bethu zezona zinto ziphambili kuthi,” utshilo uGade.

Kananjalo iSebe liza kubonelela ngenkxaso kwiintsapho kwaye lisebenze ngokusondeleleneyo nee-arhente zogcino-mthetho ukuqinisekisa uphando olubanzi.

“Sikhathazekile kakhulu ngolwaphulo-mthetho olumanyumnyezi olwenziwe kumantombazana amabini esikolo sethu, eKariega. Mihla le kukho imfazwe ethe cwaka ngenjongo ejoliswe kumanina kunye namantombazana aselula. Sivelana neentsapho, oogxa babo kunye noluntu lwaseKariega ngokubanzi.” utshilo uMphathiswa uGade.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA