11.2 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

ISEBE LEZEMPILO E-MPUMA KOLONI LIQALISA UGQATSO LOMDYARHO WOTYANDO LWAMATHAMBO

Ngeenjongo zokukhawulelana nokusilela kotyando lwamathambo kwisibhedlele i-Cecilia Makiwane, izigulane ezingamashumi amabini anesibini zizakwenziwa uqhaqho e-Mdantsane ngempelaveki.

Lomdyarho wamathambo uya kuba neqela malunga neshumi elinesihlanu lomongikazi , oogqirha abane bamathambo,ii-anaesthetist ezintathu kwakunye ne-radiographers ezimbini ngosuku, babe sethiyetha ngoMgqibelo neCawe.

Umdyarho wamathambo uyakuhamba umgama omde ekujongeni ukusilela njengoko abantu abafuna utyando olukhethekileyo lwamathambo baza kulinda ukuya kutsho kwinyanga okanye ezimbini phambi kokuba batyandwe . Oku kungenxa yokuba iimeko zikaxakeka zibekwe phambili.

Abanye bezigulane eziza kwenziwa uqhaqho kulempelaveki bazakuthathwa besuswa kwizibhedlele zesithili besiwa kwi-CMH.

Utyando lwamathambo lunokubiza imali eninzi, abo baludingayo baye bakhuphe amashumi amawaka erandi kumaziko abucala.

Utyando lobufazi lungaxabisa ukuya kutsho kumawaka alithoba eerandi ngelixa utyando lomphambili luxabisa malunga namawaka angamashumi amahlanu eerandi, oku kwenza iinkqubo zingafikeleli kubantu abanizi abalidinga ngamandla olutyando.

Izigulane ezinokulimala kwezi zigulo zilandelayo zezona zine gqwalasela ephambili koluphulo lwalempelaveki:I-femur fractures, i-tibia shaft fracture, I-ankle fractures, I-distal kunye ne shaft radius, I-ulna fractures kunye ne-humerus fractures.

UMphathiswa wezempilo uNomakhosazana Meth uthe lomdyarho yinxalenye yeenzame zeesebe zokuphucula iinkonzo.

”Kwenziwe zonke iinzame zokuqinisekisa ukuba abantu bethu bafumana iinkonzo abazidingayi. Ngalo mdyarho wotyando mathambo sizakuphucula umgangatho wobomi kulamashumi amabini anesibini abantu.

“Nangona kukho ingxaki yohlahlo lwabiwo-mali, isebe lisazimisele ukunikezela ngeenkonzo eziphucukileyo kwizigidi zabantu abaxhomekeke kwicandelo likarhulimente kwiimfuni zabo zempilo kunye nokhathalelo. Abo bazakwenziwa uqhaqho kulempelaveki basezandleni ezilungileyo nangoko sinezinye izisebenzi zempilo ezilingileyo kwicandelo likarhulumente.”

“Abantu abaninzi abadinga utyando lwamathambo baya kuqhubeka nokunikwa iinkonzo kwizibonelelo zethu,kodwa ixesha lokulinda ngamanye amaxesha liba lide kuba iingozi, njengoko ziyimeko yokuphila nokubhubha, zibekwe phambili”. Uthethe watsho uMphathiswa wesebe lwezempilo.

Isebe lizibophelele ekuphuculeni umgangatho wezempilo kunye nokhathelelo abalunikezayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.2 ° C
11.2 °
11.2 °
76 %
3.8kmh
100 %
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °
Thu
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks