ISEBE LEZEMPILO LAZISA ABANTU UKUBA BANGAMAMELI BONKE UBUXOKI NGE VENKILE ZABOKUFIKA.

By Ongeziwe Ntondini

ISebe lezeMpilo lezeNdalo kwisiXeko saseKapa libongoze uluntu ukuba luyeke ukusasaza amarhe angayonyani okuba kusetyenziswe ukutya kwezinja ukwenza iSausage kwindawo yaseMfuleni.

Amagosa kamasipala kunye namapolisa agqogqe indawo ekwenziwa kuyo i-sausage engabhalisanga kule veki.

Abemi bamazwe angaphandle abahlanu babekwe ityala lokuqhuba ngokungekho mthethweni isilarha kunye nokuvelisa inyama ngaphandle kwesiqinisekiso esisemthethweni sokwenza oko. Umtyholwa wesithandathu, umntwana osemncinci nojongene nezityholo ezifanayo, ukhululwe phantsi kweliso lomgcini.

Abanini ababini baseSomalia, uMohammed Abdi Kadiye, oneminyaka engamashumi amathathu (34), kunye noMohammed Ali Ahmed, nabo batyholwa ngokuqesha abantu basemzini kweli lizwe ngokungekho mthethweni. Bavele enkundleni ngoLwesihlanu.

Eli qela lizakubuyela enkundleni ngoMvulo. IiNkonzo zoLuntu kunye neMpilo MMC uPatricia van der Ross uye wacacisa ukuba akukho kutya kwezinja kufunyenweyo kwindawo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA