ISebe lezeMpilo likhuphe isilumkiso kuluntu malunga neekhondom zomgunyathi ezisetyenziswayo ngoku, libongoza abathengi ukuba bahlale bephaphile kwaye baxele naziphi na izenzo ezikrokrisayo.
Obambeleyo njengoSekela Mlawuli Jikelele kwiiNkqubo zezeMpilo, uRamphelane Morewane uthi lo mba waqatshelwa ngethuba leeholide zikaMnga.
“Siqale ukuva oku malunga neeholide zenyanga yoMnga—kwaye ngoku sixhalabile, okwangoku, lo mcimbi sinokuthi uqathselwe eRhawutini. Njengoko unokucinga, abantu bahlala bejonga into enokubanceda benze inzuzo kwaye ndiqinisekile ukuba kukho umntu osacinga ngayo,” utshilo uMorewane.
Ubethelele ukubaluleka kokuxhomekeka kwiikhondom ezibonelelwa ngurhulumente, nezifumaneka simahla kumaziko ezempilo karhulumente.
“Isilumkiso ekufuneka sisinike sona sesokuba abemi boMzantsi Afrika kufuneka bafunde ukuhlala bephaphile—kwaye ukuba babona into embi kakhulu, efana nokuthengiswa kweekhondom, kufuneka bakwazi ukuyixela. Iikhondom ziphuma kurhulumente, nakuwuphi na umsasazi-nakweyiphi na indawo kawonke-wonke, ukuba uyazifuna, bangazifumana simahla,” wongeze watsho uMorewane.
Isebe lisebenzisana necandelo labucala ukulungisa lo mba kunye nokuthintela ukusasazwa ngakumbi kweekhondom zomgunyathi.

