15.1 C
King William's Town
Wednesday, September 4, 2024

IStellenbosch iya kumlenze wesibini amaphaphu ephezulu emva kwempumelelo ekuhambeni

Ibethelwe kowayo kumlenze wokuqala(1) weMTN8 iMamelodi Sundowns phezolo umhla wamashumi amabini anesibhozo(28) kweyeThupha inyanga ngethuba ibethwa ngenqaku elinye eqandeni(1-0) liqela laseNrshona Koloni iStellenbosch FC, lomdlalo ubudlalelwa kumabala iLucas Moripe ePitoli.

Lo ngumdlalo wamandulela kamagqibela kankqoyi nozakugqityezelwa ngomlenze wesibini(2) eNtshona Koloni nalapho iStellenbosch izakuba ngabahlinzeki.

Elinqaku libalukeke kakhulu kweliqela laseKapa kuba benqenqeza phambili ukuya kumlenze wesinmbini(2), okunye kuba elinqaku liifakwe ekuhambeni kunjalo nje libala kabini(2).

Iqela leStellies beliwuphethe umdlalo kwisiqingatha sesibini(2) kunjalo nje behlaseka kanobomu kodwa ingxaki ibikukusebenzisa amathuba bafake amanqaku, kwelinye icala bekunzina kwiqela laMasandawana kuba ukuhlasela kwabo bekubuthuntu kunzima kwa ukufumana ibhola eya ezipalini kungenjalo kunozinti.

Ubunganga bayo iKabu Yellow izokubu bonakalisa kumzuzu wamashumi amathathu anesixhenxe(37) ngethuba umdlali wayo Peter Shalulile esenza ukuba unozinti uSage Stephens weStellies anqande ananinzi angangeni endlini.

Kulemidlalo mibini(2) esele iyidlalile iSundowns ubunganga bayo abuka bonakali nobukroti bayo bokungaqheliseli phambi kweempondo asikabuboni isasilela kwelocala.

NoGrant Kekana weSundowns uzamile kodwa watsho phantsi saphela isiqingatha sokuqala(1) lamaqela mabini(2) eqengqa amaqanda(0-0). kodwa kwisiqingatha sesibini(2) uKekana uwise umdlali weStellenbosch uDevin Titus kwindawo engcwele, usompempe wanikezela ngepenalti uFawaaz Basadien wafaka emnatheni inqaku kumzuzu wamashumi amathandathu anesibini(62), latsho lanqenqeza phambili eliqela laseKapa de kwayokuphela imizuzu engamashumi alithoba(90), sabe siyaphumelela iStllies ngenqaku eqandeni(1-0).

Kungoku nje lamaqela mabini(2) azakudlala umlenze wesibini(2) ngomhla wokuqala(01) kwinyanga ezayo yoMsintsi ukutsho oko ngeCawa kule mpelaveki siya kuyo ngentsimbi yesithathu(15h00) emva kwemini kumabala iDHL eNtshona Koloni.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.1 ° C
15.1 °
15.1 °
90 %
2.6kmh
100 %
Wed
15 °
Thu
15 °
Fri
15 °
Sat
19 °
Sun
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks