12.5 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

OoSodolophu abasilelayo kunye nabaLawuli booMasipala kufuneka bavele phambi kweCOGTA

Ilungu leDA kwindlu yowiso-mthetho kwiphondo leMpuma Koloni uRetief Odendaal uthi ingxelo jikelele ehlanganisiweyo ka-2022/2023 ngeziphumo zophicotho-zincwadi lukarhulumente wasekhaya ibonisa ukuba ngelixa iziphumo zophicotho-zincwadi lwaseMpuma Koloni ziphucuke kancinci, inkcubeko yokungaphenduli ijongela phantsi olu phuculo.
Uthi kule ngxelo, uMphicothi-zincwadi Jikelele uTsakani Maluleke ubalule impatho-mbi yemali eqhubekayo nembi kakhulu ethwaxa oomasipala beMpuma Koloni bephela. Uthi uninzi loomasipala lusilele ukuqokelela imali ebatyalayo ngeenkonzo abazinikezeleyo, kwaye koomasipala abangamashumi amathathu (30), ngaphezulu kwe-50% yetyala ebingekahlawuleki.

UOdendaal uthi oku akugqibeli nje ngokuyenza mandundu imeko yemali karhulumente esele itsala nzima kodwa ikwabeka emngciphekweni uzinzo lwaba masipala. Kwingxelo yakhe uthi xa oomasipala bephelelwa ngamandla, iinkonzo eziyimfuneko ezifana nonikezelo lwamanzi, ugutyulo, nombane ziye zingathembeki okanye zingafumaneki. Ubalule ukuba oku kudala ifuthe elibi, apho amashishini asekhaya asokola ukusebenza, izikolo zijongana nokuvalwa, kwaye amaziko okhathalelo lwempilo achaphazeleke.

URetief Odendaal uthi ukuwohloka komgangatho wokuphila, okuhambisana nokudodobala kwezoqoqosho, kuchaphazela wonke umntu ekuhlaleni.

Kusenjalo ingxelo yoMphicothi-zincwadi Jikelele (AG) ibonisa ukuhla okungephi kwinani loomasipala abadize ukuthandabuza okumandla malunga nokukwazi kwabo ukuqhubeka nokusebenza, ukusuka koomasipala abalishumi elinanye (11) (28%) kunyaka ophelileyo ukuya koomasipala abalithoba(9) (23%) kulo nyaka.

“Nangona kunjalo, ixhalabisa kakhulu into yokuba oomasipala abasixhenxe(7), kuquka abahlanu (5) abanamathandabuzo malunga nokusebenza kwabo, baye bamkela uhlahlo lwabiwo-mali olungaxhaswa ngemali kulo nyaka-mali. Oku kubonisa ngokucacileyo ukungakhathali kwezemali kunye nokungakhathalelwa kolawulo oluzinzileyo.” Uqhube watsho uOdendaal kwingxelo yakhe

Uthi ukusukela oko i-ofisi ka-AG iphumeze inkqubo yesitenxo sezixhobo, izinto ezitenxileyo ezingamashumi amahlanu (50) zelahleko yemali kunye nomonakalo omkhulu ziye zachongwa kwiphondo, kunye nelahleko yemali eqikelelwa ezigidi ezingama-R764,19 xa idibene.

“Ngelixa kukho inkqubela eyenziweyo ekusombululeni ezi zitenxo, ngezigidi ezingama-R46,27 ezifunyenweyo, amatyala angasonjululwanga ahlala ephezulu ngendlela engamkelekanga. Oku kuphinda kubethelele imfuneko emandla yokuthatha uxanduva kunye neendlela zokongamela.
Amaziko onxibelelaniso lwephondo, kuquka i-ofisi yenkulumbuso, unondyebo, kunye nesebe lolawulo lwentsebenziswano, azabalazele ukuxhasa aba masipala ngokufanelekileyo. Okothusayo kukuba, mnye kuphela koomasipala abalishumi elinanye (11) abangasebenziyo othe walungiselela waza wamkela isicwangciso songenelelo senkqubo kamasipala, ekusafuneka siphunyezwe. Ngaphaya koko, nangona oomasipala abalishumi (10) benezicwangciso zokubuyisela imali, amabhunga abo akaphumelelanga ukuphumeza la manyathelo.
Kunyanzelekile ukuba isebe lezemali lephondo kunye neCOGTA zibeke phambili ukuxhotyiswa koomasipala, ukuqinisekisa ukuba amaphulo alungelelaniswe ngokweemfuno ezithile zikamasipala ngamnye, aphunyezwe ngokukhawuleza, kwaye avavanywe rhoqo.”

Ulebele nglithi iinkokeli zezopolitiko kufuneka ziqinisekise uzinzo kulawulo oluphezulu kunye nezinye izikhundla eziphambili ukomeleza ulawulo loomasipala.
Esithi ke, ngenxa yezi ziphumo zothusayo, uza kubhalela uSihlalo weKomiti yeMicimbi yeCOGTA, uNomasikizi Konza, acele ukuba kubizwe oomanejala boomasipala noosodolophu boomasipala abachaphazelekayo ukuze baphendule phambi kwekomiti. Ukwathe kufuneka banike iinkcazo ezicacileyo zentsebenzo ephantsi kwaye bachaze amanyathelo abambekayo okulungisa le miba.

“Indlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka kwakhona ithathe inxaxheba ekhawulezileyo ekuqinisekiseni ukuba iziphumo zophicotho-zincwadi kunye namanyathelo okulungisa acetywayo awandlalwa nje kuphela kodwa alandelwa zizigqibo namanyathelo akhawulezileyo.
Lixesha lokuba ubunkokheli obunesigqibo kunye nokuthatha uxanduva koomasipala bethu ukukhusela impilo yezemali kunye nonikezelo lweenkonzo kuluntu lwethu oluthembele kulo.” Uvale ngelitshoyo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
82 %
1.2kmh
97 %
Sat
12 °
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks